‘Ndibanika nje unyaka’

Bafungisiwe abaphathiswa abatsha bephondo leMpuma KoloniUmfanekiso: BHEKI RADEBE

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi iqela lakhe labaphathiswa alonyule kule veki ulinika nje isithuba esingangonyaka ukuba lizibonakalise, esithi akafuni de “ibe yiminyaka emibini” ukubona akwenzeki le nto ayifunayo.

UMabuyane wonyule iqela labaphathiswa bakhe abalishumi, ekuquka kubo amadoda amane kwanamakhosikazi amathandathu.

Ethetha noonondaba emva kwesi sibhengezo asenze kwihotele iRoyal St Andrews eCawa, uMabuyane uthe uza kuba nenkqubo yokuhlola umsebenzi waba baphathiswa rhoqo ngekota enyakeni.

“Ndiza kutyikitya isivumelwano sokusa iinkonzo eluntwini noMphathiswa ngamnye, kwaye oko kuza kwenziwa phantsi kwenkqubo yohlolo. Ngonyaka nje kufuneka abe sele ebonakala umsebenzi womntu.

“Asinokwazi ukulinda ibe yiminyaka emibini. Iminyaka emibini yokungenzi umsebenzi ayisokuze yamkeleke. Xa umsebenzi ungenziwanga ngendlela eyonelisayo, kufuneka sikhawuleze ukuthatha amanyathelo kwangelo xesha,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi le khabhinethi yakhe uyonyule ngelokuba isebenzele abantu baseMpuma Koloni.

“Abantu bakuthi balindele ukuba iANC yenze umsebenzi ngokwezithembiso ethe yazenza ngethuba igaya inkxaso ebantwini ifuna ukuvotelwa kwakhona.”

“Okhe wangumqobo kwinkqubo yokusiwa kweenkonzo eluntwini, akukho ngxoxo yezopolitiko esiza kuyibamba ngomntu ongasebenzanga ngendlela, siza kuthabatha isigqibo,” utshilo uMabuyane.

Lo kaMabuyane ukwabhengeze nokuba baza kuba nenkqubo yeentsuku ezilikhulu zokungena kulo mbuso mtsha ukuze bajonge ezona zinto ezifuna ingqwalasela yesaquphe.

“Le nkqubo iza kulandela kwiingxelo ezithe sazifumana ngethuba sigaya inkxaso. Ewe ndiyayiqonda eyokuba kukho iingxaki eziliqela eMpuma Koloni, ezifuna isisombululo sithatyathwe kujongwe iminyaka eliqela ezayo, kodwa zikhona iingxaki ezifuna ukuba sikhawulezise ukuthabatha isigqibo.”

Ukwabalule nombandela woomasipala abangasebenzi ngendlela kweli phondo.

“Siqaphela ukuba koomasipala abaninzi akukho lulawulo, wonke nje umntu ufuna ukukhokela. Kukho icandelo esiza kulivelisa kwisebe elijongene noomasipala (COGTA) ukuze likwazi ukusicebisa ngeyona ndlela elungileyo yokuqubisana nokuwohloka kolawulo kwaba masipala. Kukho oomasipala abenza unothanda kweli phondo ubone bezinyusela imali yentlawulo kuba befuna nje ukufumisa iipokotho zabo.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za