Kuphangwe abakhenkethi baseGermany eDutywa!

Ngabemi belizwe laseJamani abakhenkethele kweli lizwe loMzantsi Afrika abathe baqhekezelwa imoto yabo ngethuba bemise phambi kwevenkile ethile kwidolophu yaseDutywa.


Ngokwengxelo ephuma emapoliseni, aba bakhenkethi bamisile bangena ngaphakathi evenkileni bethenga, ukuphuma kwabo bafika imoto yabo sele iqhekeziwe kwaye kuthathwe izixhobo ezithile ngaphakathi emotweni. 


Oku kwenzeke ngoMvulo kusasa kule veki. 


Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha udiza ukuba umrhanelwa onamashumi amabini anesixhenxe ubudala ubanjiwe ngamapolisa kwaye zafumaneka zonke nezixhobo ezo ebeziphange kule moto zaze zanikezelwa kubakhenkethi.


Umrhanelwa ubanjwe ngakumatyotyombe akufutshane nedolophu yaseDutywa ngoLwesibini.


Umrhanelwa ujongene netyala lokuba. Ulindeleke avele phambi kwenkundla yamatyala eDutywa kungekudala.


INkumanda kwiKlasta yaseGcuwa, uBrigadier Ngangema Xakavu uncome amapolisa aseDutywa ngokusebenza ngokuzinikela kwanokukhawuleza ukubamba umrhanelwa.