Isebe lezemidlalo libaleka namagama wabachongayo

Abaphathi besebe lezeMidlalo bebambisene neBuffalo City Municipality bamaxhaphetshu ngamalungiselelo womsitho oza kubanjelwa eMonti – apho kuza kuwongwa bonke abantu baseMpuma Koloni abathe baqaqamba emidlalweni entlobontlobo ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga yeThupha. Oku kubhengezwe nguMphathiswa wesebe, uFezeka Bayeni, kwindibano yakhe neentatheli kutshanje. Emva kweminyaka ebalekayo, umsitho wamawonga ubanjelwa eBhayi, izinto zitshintshile kulo unyaka. UMphathiswa wezeMidlalo uthe zininzi izizathu eziye zibangele kutshintshwe indawo kwaye isebe alikwazi ukugcina endaweni enye umsitho onokuthi ukuhlumisa uqoqosho kwindawo leyo ubanjelwe kuyo.

“Ngokwepolitiki, awukwazi ukugcina umsitho onje ngalo endaweni enye ube usazi ukuba unganalo ifuthe kwezoqoqosho. Kuye kubaluleke ke ukufumana abaxhasi ukuze uwuse nakwiindawo ezifana neAlfred Nzo, nabantu bezo ndawo bazive bebalulekile. Bendifuna ukugqitha nje kulo nto – kodwa amagosa aza kuphendula ngokugcweleyo ngoba kusenokwenzeka okokuba amalungiselelo enziwa ndingekafiki mna,” utshilo uBayeni, othe injongo yokubamba umsitho wamawonga kukukhuthaza bonke abo babandakanyeka kwezemidlalo ngeendlela ezahlukeneyo. “Xa usipha umntu iwonga uthi makaqhubele phambili nokwenza umsebenzi omhle. Kodwa ke le nto ikhuthaza nabo bangafumananga nto ukuze bazimisele ngakumbi. Kubalulekile ke ukuthi enkosi ebantwini abaphakamisa igama lephondo lethu nabakhuthaza abanye,” utshilo uBayeni.

UMphathiswa uthe abantu abaza kuwongwa ngabantu abagqwesileyo emidlalweni, hayi kwiingingqi zabo, izithili kuphela – kodwa nabo bazenzele igama emidlalweni yelizwe lonke. Kanti nabo basemidlalweni ngezinye iindlela baza kuwongwa. Bangaphaya kwekhulu abantu abachongiweyo ngokohlukana kwemidlalo edlalwa eMpuma Koloni kwaye namagama abo sele epapashiwe. Into elingavumanga ukuyichaza isebe ngamagama wabantu abachonga abo bafanelwe kukuwongwa abasemibuthweni eza namagama. “Likhona iqela labantu elithi lamkele amagama abantu abachongiweyo, eliphinde lijonge ukuba bakufanele na ukuchongwa. Ngabo abahluzayo emva kokujonga ukuba umntu ufumene ntoni enyakeni,” utshilo uMphathiswa.