Ikhulule abadlali abathathu nengqonyela yayo iBidvest Wits!

Robyn Johannes of Bidvest Wits during the Absa Premiership match between Bidvest Wits and Golden Arrows on the 12 December 2018 at Bidvest Stadium / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ingqonyela (CEO)
yeBidvest Wits, uJose Ferreira, ibeke phantsi ngokusesikweni phakathi kule veki.
Oku kubhengezwe yiWits kwingxelo ebhaliweyo engazichazanga izizathu zokuhamba
kwakhe emini izolo. “Ndicele usihlalo weBidvest Wits FC ukuba andikhulule
esihlalweni ebendikuso ngoko nangoko. Ndiyenza lo nto ngenxa yezizathu zam
endingakwaziyo ukuzithi pahaaa. Lo nyaka (20190 ubunzima kakhulu kum emva
kweminyaka ebimihle kakhulu. Ndiyazibulela iinkokeli zeWits ezindinike ithuba
lokuphatha iminyaka esixhenxe yonke,” utshilo uFerreira kwingxelo ekhutshwe
yiWits izolo.

Kanti kwelinye
icala, kukhululwe abadlali abathathu bonke. URobyn Johannes, uFagrie Lakay
noPrince Nxumalo – ngamagama wabadlali ekuthiwe mabazifunele amanye amaqela
abanokuwadlalela kule isizini. “Ewe, yinyaniso leyo. Abadlali abathathu
bakhululwe liqela,” utshilo uMnu. George Mogotsi kwiGoal.com. UNxumalo uhambe
kungekho nto ingako ayenzileyo emva kokufika kwiWits kwiinyanga ezidlulileyo esuka
kwi-Ajax Cape Town eyathotyiselwayo. Kuthiwa
uBenni McCarthy weCape Town
City
unomdla kuJohannes
owayethathwe kwiqela lakhe kakade yiWits. Yena uLakay wayethathwe kwiSuperSport
United – kodwa ngoku, akukacaci ukuba angaya kweli iqela.