Bagxeka isebe lezeNdalo elifuna ukunceda iAmazon

USekela Mphathiswa wesebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba uMaggie Sotyu

Abafundi beli phepha bakhwele bezehlela kuSekela-Mphathiswa wezeNdalo, amaHlathi nokuLoba (DAFF), uMakhotso “Maggie” Sotyu, obevula inyanga yemithi, eyaziwa njengeNational Arbor Month, eFeathermarket Square eBhayi ngeCawe.

Kwintetho yakhe ubalule ukubaluleka kokulondolozwa kwendalo ekwakhankanya nemililo edwanguza kumahlathi iAmazon eBrazil.

“IAmazon yimiphunga yelizwe jikelele ngoba lisinika iOxygen le siyiphefumlayo,” uqale watsho uSotyu.

“Mna ndakhula ndibona umthi njengento nje egawulwayo ukuze sibe neenkuni, sibase sibe nayo nembawula. Kodwa ngoku oko ndathi ndaphuma emapoliseni ndaza kweli sebe lezendalo nditsho ndabona ukuba imithi yimpilo yethu. Singurhulumente waseMzantsi Afrika kufuneka nathi sifake isandla sincedise pha eAmazon, eBrazil. Wena ke eMzantsi uyazibuza ukuba ‘singenaphi thina apho?” uqhube watsho uSotyu.

Abafundi beli phepha bangene kwikhasi lethu likaFacebook, elingu “ilisolezwe” bamgxeka urhulumente ngokubanzi ngelithi uhoya ezamanye amazwe iingxaki ayeke ezi zaseMzantsi:

Thembinkosi Qakala: Imali iyalahlwa nje apha eMzantsi kodwa abantu bakuthi bayasokola, khona ngumoya oza njani lowo ugqitha elwandle uze apha eMzantsi? Nidlala nje ngemali ngoku

Phindile Mgab’s Lenzi: Sineengxaki zethu aph’ eMzantsi ezingekagqitywa, ngoku nitsibela iBrazil, nathi sinawethu amahlathi atshayo, yake yafak’isandla lo Brazil hay’bo khanismele!

Luvo Shude : Masiqale silwe nentswelangqesho kuqala. Sogqibela ngawo amahlathi.

Simphiwe SimCard Solutswayi: Kodwa dololo ukufaka isandla kwizidingo zakweli

Khanyiswa Mhletywa Tshikana: Licebo lokutya imali eli, lo mphathiswa uzokuthi makwenziwe ingxowa kuxhaswe iBrazil. Ikude leee iBrazil, ixel’ ithamsanqa

Nwai Nwara Nwara: Bazama icebo lokuthengisa le Oxygen ngoku namanzi sesiwathengiselwa nje kwaqala kwanje . Our dams are privately owned. Lihlazo! Iintaba, amawa, unxweme elwandle they are all privately owned . Sithule sijongile.

Nkaziology Mahle Ngceni: Ndiphefumla umoya waseBrazil ngoku, hayi niyahlola!

Ta Bash: Bekungathiwa akhupha 20% qha na la mahlathi? Sineyethu nathi apha eMzantsi esiyifumana kumahlathi aseGwadana.