UMzantsi uzibekele indawo kwiAfcon

UDavid Notoane egqugula nomdlali wakhe uLiam Jordan ngethuba uMzantsi Afrika (Under-23) udlala neZimbabwe kwiveki ephelileyo Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe labadlali abaselula (SA Under-23), uDavid Notoane, uchulumancile emva kokuba iqela lakhe lizibekele indawo kwitumente ebalulekileyo.

Emalanga ngoLwesibini kule veki, uMzantsi Afrika ubambene ngeqanda macala neZimbabwe emdlalweni ohlakulela iUnder-23 Africa Cup of Nations yamaqela esizwe abadlali abaselula ekulindeleke ukuba isingathwe lilizwe laseYiphutha kwinyanga yeNkanga kulo nyaka.

UMzantsi Afrika udlulele phambili ungqawuza emva kokuba ubethe iZimbabwe ngamagowuli amahlanu eqandeni (5-0) emdlalweni obuse eOrlando Stadium kwiveki ephelileyo.

Itumente eliya kuyo iqela likaNotoane iza kudlalwa ngamazwe asibhozo kodwa eyona nto ekuza kube kusilwelwa yona kukuya kwimidlalo yeOlimpiki (Tokyo 2022) ngamazwe amathathu aza kumela iAfrika.

Umsebenzi owenziwe nguDavid Notoane uyancomeka emva kokuvusa iqela ebesele linethuba elide lingasadlali midlalo.

Ukuya kweSA Under-23 kwitumente yeAfrika ziindaba ezimnandi kakhulu ngoba ilandela ekhondweni leBafana Bafana abadlale kwi2019 Afcon kwiinyanga ezidlulileyo neBanyana Banyana edlale okokuqala kwiNdebe yeHlabathi ebibanjelwe eFrance kwisithuba seenyaka ezimbini ezidlulileyo.

UNotoane uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo obubanjelwe eZimbabwe watsho encoma kakhulu umsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe.

“Umdlalo ubunzima njengoko bekulindelekile xa iqela lidlalela ekuhambeni. Ibala belingekho libi kodwa siye emdlalweni siyazi kakuhle into efunekayo.

Bekungekho xinizelelo lungako kuthi ngoba yonke into saqinisekisa okokuba siyenza emdlalweni wokuqala,” utshilo uNotoane kwiRadio 2000 emva komdlalo.

Nangona iZimbabwe ibingenalo ithuba lokuwubetha uMzantsi Afrika owafaka amagowuli amahlanu eGoli kodwa uNotoane nabadlali bakhe bebelumkele nantoni na emdlalweni.

“Senze iinguqu ngoba nathi sifuna ukubona abadlali abathile njengokuba sisiya kwiAfcon.

Abadlali bawulawule kakuhle kakhulu umdlalo ngoba besisazi okokuba iZimbabwe ingasifaka engxakini xa singayigadanga,” utshilo uNotoane.