Ilindle likhalisa oosomashishini bakuQumbu

Ilindle elinkcenkceza ngakwiivenkile zakuQumbu. umfanekiso: Ithunyelwe

UMNTU odlula ngakwiitafile zokuthengisa iziqhamo zoomama abathengisa kwiziko leevenkile (Shopping Centre) yakuQumbu uvele atshice, onyanye ebusweni emva koko agqume impumlo, ngenxa yevumba lelindle elinganyamezelekiyo elinkcenkceza kule ndawo.

Ukusukela kunyaka ophelileyo, aba mama oko benyamezele eli vumba, bambi kubo bathi alichaphazeli nje ishishini labo, koko neempilo zabo. UNokuhle Gwaza, uqale ukuthengisa iimpahla neziqhamo kule ndawo ngo2007.

“Iingxaki zokunkcenkceza kwelindle ziqale kunyaka ophelileyo. Saya kwamasipala sayokuxela, kodwa akukho kwanto eyakhe yenziwa,” utshilo uGwaza ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

“Ndinyathela phezu kwelindle umhla nezolo, kumdaka kunyhukunyhuku kuyilo nto. Siphefumla ilindle elenza iimpilo zethu kube nzima kuzo.

Ukwathe babethenjiswe ngeezambuleyini ngumasipala kodwa nkqi ukufezekiswa kweso sithembiso. Oko sasilindile kude kwale lixa,” utshilo uGwaza.

Omnye umthengisi, ozibiza uMaNgwanya, uneminyaka elishumi ethengisa iziqhamo kule ndawo.

“Kuyanuka ingakumbi xa kushushu. Umntu odlula kwindawo esithengisela kuyo uvele atshice, onyanye. Into ebangela sinyamezele, kukuba iintsapho zethu emva zithembele kuthi ukuze kulale kutyiwe.

“Kunzima ukutshintsha sisuke kule ndawo kuba ikufutshane nerenki yeemoto eziya emakhaya kwaye inabathengi abaninzi esibaziyo, nabo abasaziyo. Ukumka kwethu kule ndawo kukuphela kwengeniso,” kutsho uMaNgwanya. Uceba wedolophu yakuQumbu, uZizamele Renene, uthi unolwazi ngale ngxaki, watsho esithi uyavelana naba bathengisi.

“Okufunekayo kukuba ndingqubanise iintloko nesikhokelo sikamasipala ukuze kulungiswe. Ndiyathembisa ndiza kuyenza lo nto kungekudala,” utshilo uRenene.