Utshe waluthuthu uNozukile Superspar eNgqushwa

Uthe wangqongqa uNozukile Superspar waseNgqushwa.

Bebevukele emsebenzini njengesiqhelo, kodwa endaweni yokuphangela ngentseni yangoLwesibini, abasebenzi bakwaNozukile Superspar eNgqushwa bagangwe ngamalangatya omlilo nomsi kulandela ukutsha kwale venkile kwakunye nezinye ezikufutshane. 

Unobangela walo mlilo awaziwa kodwa amapolisa aseNgqushwa sele eqalile nophando. Ziliqela iivenkile ezithe zachaphazeleka kulo mlilo, kodwa eyona ichaphazeleke kakhulu nguSuperspar. 

Oziboneleyo nobalisele I’solezwe lesiXhosa, uthi ugaleleke ngentseni imililo sele idwanguza. 

Ubalisa athi Iivenkile yakwaSpar itshe yaphela kuquka neevenkilana zabe I bangaphandle eziquka indawo yokwenza iinwele phambi kwakaPep. 

Oku kwenzeka kanye ngomhla wokuqala enyangeni, usuku lokungena kweemali zesibonelelo karhulumente, nalapho imiqodi yabantu ilindele ukuthenga ukutya kwemizi yabo.

Obalisele I’solezwe uthi abasebenzi baxelelwe ngabaphetheyo ukuba kuza kunyanzeleka behleli emakhaya “kwikhefu elingahlawulelwanga”.

Iinzame zokufumana uluvo kubaphathi bakaNozukile Superspar aphanzile nanjengoko ifowuni ibikhala nje.