Masambe Nomonde ayilolizw’ eli!

Waka wathi omnye umfo, enomsindo, eli lizwe lilizwe lentshabalalo kule demokhrasi yalo. Walifanisa nelizwe elichazwa kwiimbali zakude, wathi yiSodom neGomora, apho ubani wayesithi abe nomfazi kayise omnye abe nomntakayise; umbulo ongazange wabonwa ehlabathini. Andisayi kuzibhentsisa ke izinto wazibalulayo, endingakutshoyo nje kukuba ndiyamngqinela kwezinye iindawo.

EKapa kukho iindawo zokonwaba ulutsha ezisezitalatweni. Apho ubona nolusebeleni luthe qhiwu isiselo esinxilisayo; akubhinqa, akumfana!

Akunyali ukuba intombazana ikhulule ibhulukhwe esidlangalaleni ichophe ichame, umfana oyamise ezindongeni zabamelwana. Kuhamba ubusuku kungulowo mbono, isitalato singahambeki.

Oku kwenzeka amapolisa ekhona; njengokuba ndingasihambi esa sitalato ngenxa yokungahambeki kwaso nawo akasihambi.

Ndixakwe ke, kuba mna bendijonge ukuncedwa ngamapolisa achithachithe abo bantu esitalatweni ukuze sikwazi ukuhamba.

Ndisitsho nje enye yezo ndawo imelene nesikhululo samapolisa, akenzi nto. Kukwajuliwe kuleyo ndawo!

Abantu baxhwithilizana neembacu; urhulumente uvulile ukuba baxhomane babulalane ukuba banako.

Lilizwe elinjani eli kungena nje nabani na welinye ilizwe, engena mvume, afike azenzele unothanda kungekho umalusayo?

Abantu abangena kugxothwa xa bengena kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni zimbacu ezidudulwa yimfazwe.

Iimbacu zemfazwe mazingagxothwa, lowo ngumthetho wehlabathi, nathi kwiimfazwe zethu.

Omnye nomnye ongena elizweni umele kungena ngemvume emxelayo ukuba uzokwenzani, eza kuhlala xesha lingakanani.

Ngaphandle kwemvume enjalo umntu umele kukubanjwa abuyiselwe elizweni lakhe.

Kweli lizwe ke sixakene nabantu bakude abasizele neengxaki esingazange sazibona, izinto ezifana neziyobisi nokubiwa kwabantu. Waka wakubona phi ukubiwa komntu ngaphambi kokuba eli lizwe libe yile nto liyiyo?

Umntu yinto eke ibiwe? Aba bantu beza nezimanga, bafike bagcwale lonke eli lizwe okwamanzi atyhoboze ebeqokelelwe kungekho uwalusayo.

Ngurhulumente ke ovumela le meko. Unonelele uqhogwano norhwebelwano namazwe angaphandle. Akafuni kubonwa njengelizwe elibukula abantu ngokobuzwe ke ngoko.

Bububhanxa ke obo, akukho lizwe likukwavula kungene nezinombho. Ukungena nokuphuma elizweni kuyalawulwa.

Ngurhulumente ngokwakhe lo uthelekisa abemi beli lizwe neembacu! Nazo ke ngoku bexake nazo eGoli, zithengisa iimveliso zomgunyathi ze kwakulingwa ukuzithethisa zibethe amapolisa.

Maziwabethe ke kambe kuba kuninzi gqithi okugwenxa ngawo ngokuphathelele kule nyewe, mhlawumbi lo rhulumente kantozijuliwe wotsho aqonde!

Abantwana besikolo kwiZikomfundo enoMsila iWalter Sisulu (WSU) bakhalela ukubhangiswa kwemizi yentselo neembarha neziyolo emasangweni eZikomfundo. Kuxa izizinto ezazifakelwani ezo kumazikomfundo?

Ndawothuka lo mkhuba ukuwubona kwam kwiZikomfundo enoMsila laseNtshona Koloni (UWC); oosigcuntsa bebaveki neveki, ndimangala ukuba kuqale nini na ukuba isikolo sibe kwayindawo yembarha?

Ingcaciso yathi kulungiselelwa ukuba abafundi bangayobufuna ngaphandle utywala, neziyolo bazenzele ezabo kwalapho kumasango esikolo ukuze bakhuseleke.

Sekude kuxhanyulekwe olo hlobo nje kuxa ingabantwana abatheni aba bazimisele etywaleni naseziyolweni ngolu hlobo? Kukuthini ukuthumela umntwana esikolweni kanti umthumela embarheni?

Ukuthumela umntwana eyunivesithi kule mihla kuyafana nje nale nto yokusiwa kwamakhwenkwe esuthwini, athi ukuba akafanga abuye eziindladiya.

Imithetho iyivumela njani imo enje elizweni? Kutheni kungena kohlulwa izinto ngokohlobo lwazo, le nto zigandwa mbizeninye kodwa azidibani?

Xa kunje ndise ndicinge uDlayi, umfo wasemaNgcuseni nosele wasandulelayo; wayenentetha awayeyithanda xa adanisayo simakhwenkwe, athi “masihambe Nomonde ayilolizw’ eli, masambe ngqangqa incinci le ndawo!” Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba!