UNtseki ulibeke kwiGhana iliso lakhe

Molefi Ntseki ngumqeqeshi weBafana Bafana

Umqeqeshi weBafana Bafana, uMolefi Ntseki, uqhubela phambili namalungiselelo nangona abadlali abaninzi beqhwalela ngenxa yokonzakala.

Elinye lamajoni akhe athembekileyo, uBongani Zungu, uye wakhululwa enkampini izolo emva kokucaca ukuba ngeke akwazi ukudlala ngenxa yokonzakala akufumene eqeleni lakhe.

Abanye abadlali abathe bakhululwa ekuqaleni kweveki nguThamsanqa Mkhize noBrandon Petersen weBidvest Wits.

Kanti kusekho ukungaqiniseki ncam ngabadlali abafana noPercy Tau, uDean Furman, uErick Mathoho, uRonwen Williams noThemba Zwane ngenxa yokonzakala.

UMzantsi Afrika uza kudibana nelizwe laseMali emdlalweni weNelson Mandela Challenge oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesithathu ngeCawe.

Iza kuba ngumdlalo wokuqala kaNtseki lo ukusukela oko ethe wanikwa ithuba lokuba ngumqeqeshi weqela lesizwe emva kokuhamba kukaStuart Baxter.

Kuyanyanzeleka kodwa ukuba ayibambe intsimbi itshisa ngoba iSouth African Football Association ifuna aqinisekise ukuba iqela liyaya kwiAfcon ezayo.

Njengokuba aBafana Bafana beza kudlala neMali, lo mdlalo uthathwa njengamalungiselelo omdlalo neGhana oza kube uhlakulela iAfcon.

UNtseki uzimisele ukuwuphumelela umdlalo wakhe wokuqala nakubeni iMali iza kulisokolisa iqela lakhe.

“Xa ulungiselela ukudlala neGhana, awukwazi ukudlala neqela elingaphantsi kwelakho kumanqwanqwa weCaf neFifa.

Sifuna iqela elomeleleyo eliza kusivavanya,” utshilo uNtseki ethetha eNelson Mandela Children’s Hospital ekuqaleni kwale veki.

Umqeqeshi unethemba lokuba iziphumo zomdlalo wangempelaveki zakuthi zibe nefuthe kwindlela aBafana Bafana abaya kuthi badlale ngayo xa bedibene neGhana kwinyanga ezayo.

“Sizimisele ukwenza kakuhle xa sidibana neMali noxa iza kuba nzima nje. Ndilithembile iqela lam ngoba sinabadlali abakulungeleyo ukwenza umsebenzi,” utshilo uNtseki.