UFurman noZwane bancede uMzantsi Afrika emdlalweni weNelson Mandela Challenge

Uza kulala
encume olukabhulankethe namhlanje uMolefi Ntseki emva kokuba aBafana Bafana
bebethe elinye lamazwe ayingozi ebholeni ye-Afrika, iMali, ngo’2-1 emdlalweni
weNelson Mandela Challenge obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium. UNtseki uqale
umdlalo ngabadlali abafana no-Erick Mathoho, uThapelo Morena, uKeagan Dolly
noBradley Grober abebengayanga kwi-Afcon. Amagowuli woMzantsi Afrika afakwe
nguDean Furman ngepenela noThemba Zwane ongene endaweni kaDolly kwisigaba
sokuqala somdlalo. ABafana Bafana badlale umdlalo wokuqala phantsi kwesandla
sikaNtseki othathe iintambo kuStuart Baxter ohambe emva kwe-Africa Cup of
Nations (Afcon). Nangona abadlali bakhe uNtseki beqale umdlalo ngokuphisa
ngeebhola, umdlalo wabo uye waphucuka ekuhambeni kwexesha.

 

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla aBafana Bafana benkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini
eqandeni. Isiqingatha sokuqala besisihle – kodwa sinzima kumaqela omabini.
Emizuzwini yokuqala yomdlalo, bekucacile ukuba abadlali baseMali bebefuna
igowuli. Balawule umdlalo behlasela macala onke. Unozinti woMzantsi Afrika,
uRonwen Williams, ubambe ibhola embi emzuzwini wethoba ebikhatywe
ngu-AmadouHaidara. UThulani Hlatshwayo no-Eric Mathoho benze umsebenzi
oncomekayo emva bencediswa nguThapelo Morena no-Innocent Maela ekuntlele. USekou
Koita uphantse wawonzakalisa uMzantsi Afrika obhutyuze ibhola endaweni embi.
Siphele isiqingatha sokuqala umdlalo weBafana Bafana uphucukile kakhulu. Indawo
kaKeagan Dolly nguThemba Zwane okhutshwe ngenxayokonzakala. UZwane ubhakuzelise
umnatha emzuzwini wokugqibela kwisigaba sokuqala.

 Image may contain: one or more people, people playing sports, grass, stadium and outdoor

UMolefi Ntseki
ukhuphe uWilliams, endaweni yakhe wafaka uDarren Keet. ABafana Bafana basiqale
kakuhle isiqingatha sesibini ngokulawula ibhola ibhola nokuhlasela – kodwa obekungenamandla.
UMzantsi usinde cebeshu ebholeni ebikhatywe ivela ekunene egqithe phambi
kwepali. Ifolosi ezibalule ngokufaka amagowuli ngentloko, uBradley Grobler,
ungqube ibhola kakuhle – kodwa ngelishwa lakhe, ibhola iqabele phezu kwepali. Emzuzwini
wamashumi asixhenxe, iMali ibhakuzelise umnatha emva kokuba aBafana
bengakwazanga ukuchitha ibhola. UNtseki unike ithuba abadlali abafana noThato
Mokeke, uKermit Erasmus noLebohang Phiri – bona bathathe indawo kaKanohelo
Mokotjo, uThulani Serero noGrobler. Unozinti weMali, uAdama Keita uxhimfe
ibhola entle kaKermit sekuphela umdlalo.


Bafana Bafana: Ronwen Williams, LThulani Hlatshwayo, Kanohelo
Mokotjo, Dean Furman, Thulani Serero, Erick Mathoho, Innocent Maela, Keagan
Dolly, Bradley Grobler, Thapelo Morena, Thembinkosi Lorch.

Mali: Cheik Omar Traore, Amadou Haidara, Aboubacar
Kouyate, Lassina Coullibaly, Molla Wague, Adama Traore, Mamadou Fofana, Cheick
Oumar Doucoure, Sekou Koita, Hadi Sacko, Djigui Diarra.