UMoroe ucela umonde ebantwini

Ingqonyela yeCricket South Africa, uThabang Moroe, ucele abantu baseMzantsi Afrika okokuba babenomonde ekuqaleni kwale veki.

UMoroe uthethe emva kokuba iProteas ivuthululwe yi-India emidlalweni emibini yovavanyo.

AmaNdiya avuthulule uMzantsi Afrika ngemitsi eli137 emdlalweni wesibini wovavanyo kwiveki ephelileyo.

Emva kokuqhuba kakubi kwiNdebe yeHlabathi, iCricket SA yakhulula umqeqeshi kwabe kuhamba nabanye abadlali abadala. Ingqonyela yethutyana, uEnoch Nkwe noFaf du Plessis, banikwe umsebenzi omkhulu kakhulu wokujongana neqela njengokuba likutyelelo kwelase-India.

Kungenxa yeso sizathu uMoroe ecela abantu babe nomonde. “Bekuhleli kuza kuba nzima ukuqubisana neqela eliphambili emva kokwenziwa kweenguqu eqeleni lethu. Siphulukene nabadlali abafana noHashim Amla, uMorne Morkel noDale Steyn abe beziintsika zeqela lesizwe.

Kufuneka sinike ithuba ihlumela ukuze likwazi ukukhula,” utshilo uMoroe.