Igqwetha lokuqala elintsundu laseNgcobo

Indoda yokuqala eNtsundu ukuba ligqwetha eNgcobo yayinguHenry Poswayo.

UHenry Ngcubu Poswayo, uXaba isiduko, yayingunyana kaKilili Poswayo wazalwa ngowe1880 ezalelwa eNyanga eNgcobo.

Amabanga akhe aphantsi wawenza eAll Saints eNyanga eNgcobo eTranskei. Waphuma apho waya kufundela ubutitshala eSt Johns eMthatha.

Aba bantu bangamaXaba akwaPoswayo apho azalwa khona uMnu Henry Ngcubu Kilili Poswayo imvelaphi yabo isuka kwilizwe lakwaZulu-Natal phesheya koThukela.

Imbali yaba bantu ngokukaW. Cingo ihambisa: “UPoswayo uzele oonyana ababini uMtshana kwindlu enkulu, waze ekunene wazala uNtshacile. UMtshana wendlu enkulu wazala uKhuphiso; uKhuphiso walekelwa nguKilili; uKilili walekelwa nguMoni; uMoni walekelwa nguPompo; uPompo walekelwa ligqibelo uNtonyungo. UKilili ongunyana wesibini kaMtshana wazala uHenry Ngcubu Poswayo. UNtshacile wendlu yasekunene kaPoswayo wazala uPhilippi D. Poswayo; uPhillip D. Poswayo wazala uThomas Willington Poswayo. UThomas Willington Poswayo wakhe waba sisibonda saseNyanga eNgcobo ngowe1927.”

UHenry Ngcubu Poswayo uthe akugqiba ukufunda wakhe wasebenza eNgcobo kwisikolo sakuManzana ngelaa thuba abantu abaNtsundu babengekayivundleli imfundo.

Kulapho kuManzana apho kubafundi bakhe ababe lapho omnye wabo yayinguAlfred Bikini Xuma owakhe waba ngumongameli weANC.

Kuthe nangethuba sele ewelile ephesheya eBritane efundela ubugqwetha, umfundi wakhe uAlfred Xuma wafikela kuye kwakhona.

Zizandla zakhe kwakhona ezamncedayo uAlfred Xuma kwimibuzo yakhe emininzi ngemfundo yaseyunivesithi kwelokuphambukela.

Ukusuka kwakhe kuManzana amabombo wawajongisa eKapa waya kufunda kwisikolo sabantwana beenkosi eZonnebloem Teachers Training College.

Ngomnyaka wowe1901 wayeqeshwe yikholeji iZonnebloem yabantwana beenkosi eKapa njengomhlohli kwicandelo lokuqeqeshwa kweetitshala.

Apho wayesebenza nezangxa zabahlohli ezisuka ezinezidanga zaphesheya kwiiyunivesithi eziphezulu zaseBritane.

Abo bahlohli yayingaba balandelayo: William H. Parkhurst owayefunde eJesus College, eOxford University; F.P. Macirone owayefunde eSt John’s College, eOxford University; G. Ingham owayefunde eMorton College, eOxford University ; Hopkins owayefunde eCambridge University, W.L. Castley.

UHenry Ngcubu Kilili Poswayo naye wawela waya eBritane esiya kwandisa imfundo eSt Augustine College eCanterbury eNgilane.

Ukugqiba kwakhe apho wangenela izifundo zobugqwetha eLincolin’s Inn eLondon, eNgilane. Apho wafunda iminyaka emine, waze wathi akuba epasile wamkelwa njengegqwetha lenkundla ephakamileyo.

Ethubeni wakhetha ukubuya eNgilani aze kusebenza njengegqwetha eMzantsi Afrika. Iiofisi zakhe wazivula kwidolophu yaseNgcobo.

Umsebenzi wakhe wobugqwetha wabamhle kakhulu waza wakhula ngokukhawuleza. Wayethenjwe ngabantu abaNtsundu nabantu abaMhlophe.

Loo msebenzi wakhe mhle wamoshwa yintando kaMdali ngokusuke impilo yakhe imphathe kakubi. Wanyanzeleka aye kuqhaqho eRhawutini, kodwa ngelishwa wasweleka eneminyaka engama46.

UMjamba, H.N. (1993:79) kwincwadi yakhe ethi, ‘Ilifa Lethu,’ wabalisa wenjenje ngalo mfo wakwaPoswayo: “Ngokwasemagqwetheni ngathi igama lokuqala esilifumanayo lelikaN. Poswayo owazalwa ngowe1880. Yinkulelane yaseNgcobo apho wayesefukwini labefundisi becawe yamaNgesi. Imfundo yakhe uyisungule eAll Saints, eMishini, eNgcobo. Ukusuka apho uye nakwezinye izikolo zamaAnglican ezinjengekholeji yaseSt Johns eMthatha, naseZonnebloem le seyisisikolo samaKhaladi kwezi mini, yayifudula isisikolo samaAfrika ngaphambili, ubukhulu becala, kusiya iinkosi namaphakathi, kwiintsuku zayo zamzuzu. Akuba kwizikolo ezingayiwa ngamaAfrika eMzantsi Afrika waya kwelamaNgesi, apho wangena isikolo esikokosiweyo somthetho saseLincoln, esiya kufunda umthetho, waphuma eyiBarrister – umthetheleli emthethweni, waba ngumAfrika wesine ophuma eMzantsi Afrika ukuba ligqwetha eligqibeleleyo. Ukubuyela kwakhe kwelakubo wagqiba kwelokuba abe phantsi kwephondo laseKapa, ehlala kwidolophana yaseNgcobo eTranskei..”

UMnu. Thukela Poswayo osisazi sembali nembongi yomthonyama nosisizalwane sikaMnu. Henry Ngcubu Poswayo uthi: “Elona gama lalo mfo kabawo nguNgcubu, asingoNgcungcu njengoko abanye ababhali bembali bembiza. Wawela waya phesheya eBritane ngowe1896. Ubuyele kweli lizwe ngowe1904 waza wasweleka ngowe1926.

Uqalise ukusebenza phantsi kwegqwetha lomLungu eCofimvaba phambi kokuba abe nokukwazi ukuzimela avule ezakhe iiofisi eNgcobo.

Wazeka intombi yaseQuthubeni kwindawo ekuthiwa kukuKhanyi kwaseNgcobo, uyise wayo yayinguLuke umfo wakwaMhaga isiduko. Le nkosikazi yakhe ngokwemfundo yayiyititshalakazi iqeqeshwe kwisikolo saseAll Saints.

Ithe yakuba itshatile kuba ngezo mini xa utshatile wawungavunyelwa uqhubekeke nokuhlohla yaya kuba ngumfama eQhitsi kuCofimvaba.

Kumtshato wabo balizwa ngabantwana ababini, unyana ogama linguQabane nentombi egama linguTobhi eyendela kumzi wakwaNzutha, ooJola. UQabane wayengumsebenzi eposini, watshata eMqanduli kwaMacozoma, ooKhumalo.”

UMjamba, H.N. (1993:80) kwincwadi ethi, ‘Ilifa Lethu,’ uyayiveza le nto yokulima kwalo mfo unguHenry Poswayo ibalulwa nguThukela Poswayo apha ngasentla: “UPoswayo ukhulele ezilalini, kwaza nakuba ekhe wahlala ixesha elide phesheya kolwandle, akaphelelwa mdla emfuyweni nasekulimeni. Wayelibamba ngokwakhe ikhuba emasimini akhe.”

Xa bebongwa ooXaba abantu bakuloNgcubu Poswayo bathiwa xa bebongwa: Xaba bakwaNomjolikazi, ooNonkosi, ooNobenyuka, bakwaVongo, ooMdini, ooMvelase, ooNombombozinde, ooLinda, abantu abawela amanzi amdak’oThukela ngoqhiza, ooNonxas’iyakhathala, amangelengele, abantu basezixhotyeni, oonongcungcul’ende, abangaseli kuwo amadwala, kuba besaba umlomo ukugobeka, abantu abangabuthengiyo ubuhle, amaHlubi mahle ngendalo.

Abezizwe badlula emanzini, amaXaba amanzi awadla ngaphakathi, isibhushwana esanqamla, amanzi oThukela ngoqhiza. Amaphinda ukuwela, uThukela baliwela beziintsana, baphinda baliwela bebalek’uTshaka.

Abalal’emzini bahlinzelw’ithokazi lenkomo, abaqhekez’isonka siy’ebandl’emadodeni, kwaXaba akusavalwa ngemivalo, sekuvalwa ngamakhanda amadoda. Xabakazan’angakwaz’ukunyekeza, anyekezelwa ngabanye. Kushukum’amathamb’omzi kaHlubi xa kuthethwa ngoXaba, engekafiki uNonkosi amaHlubi akakapheleli!