Ugoduke esisifu
ngumsindo umqeqeshi
emva kokuba iqela lakhe liphulukene nomdlalo ngendlela engcacanga.
(1-0) yi-Orlando Pirates emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eMakhulong
Stadium ngoLwesibini ebusuku. Igowuli lePirates lifakwe nguTshegofatso Mabasa
obenikwe ikhadi elityheli endaweni yelibomvu kwisigaba sokuqala somdlalo emva
kokunyathela kakubi uLindokuhle Mbatha. Kodwa eyona nto emkhathazileyo uDa Gama
kukuphumelela kwePirates ngebhola efakwe nguMabasa elalele. Isekela
likasompempe alikwazanga ukuyibona lo nto nangona uMabasa efumene ibhola
ephambili kakhulu kunabadlali beHighlands. “Ilizwe lonke liyibonile into
eyenzekileyo. Umdlali ebelalele. Andithi iPirates ayikufanelanga ukuphumelela
umdlalo, idlale kakuhle. Usompempe wenze umsebenzi oncomekayo – kodwa isekela
lakhe lifanelwe kukuya entolongweni,” utshilo uDa Gama emva komdlalo.
“Ayikwazi
ukwenzeka into enjeya kweli inqanaba lebhola ekhatywayo. Ubomi babantu
busesichengeni; abadlali basebenzela amakhaya wabo. Kuba kubi kakhulu xa
kusenzeka into enje ngaleya. Xa abadlali besondelelene kuye kuvakale – kodwa kuleya
into umdlali wePirates ebethe qelele kunabanye. Lihlazo into eyenzekileyo
ebholeni yelizwe lethu. Makubekho into eyenziwayo,” utshilo uDa Gama. Ethetha
ngoLindokuhle Mbatha obekhatywe nguMabasa ekuqaleni komdlalo, uDa Gama uthe
kuye kwanyanzeleka okokuba afumane isitofu ukuze akwazi ukuqhubela phambili nomdlalo.
“Bekufanele kukhutshwe ikhadi elibomvu. Uye wonzakala uMbatha kula nto yenzeke
kuye. Andazi nokuba uya kuphinda akwazi na ukudlala ibhola kwakhona,” utshilo
uDa Gama ezithengile kodwa kubonakala ukuba ucaphukile. Ukuvuyele kekambe
ukuphumelela kweqela lakhe uRhulani Mokwena phambi kokuya koweTelkom Knockout
ngoMgqibelo. Ezimnyama ziza kuxikixana neKaizer Chiefs emdlalweni oza kube
useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga.
Amakhosi akrolonqwe ngenduku yiMamelodi Sundowns yathatha indebe!