Mthethwa: ‘Ukungagunqi kukaGwala enyanisweni kwenza inkuthazo’

Umsasazi weRadio 702 obhubhileyo uXolani Gwala UMFANEKISO: 702

UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uNathi Mthethwa uthi ukubhubha komakhwekhwetha womsasazi uXolani Gwala kushiye unxunguphalo olungathethekiyo kwilizwe loMzantsi Afrika.


Iindaba zokubhubha kukaGwala, obengumsasazi kwiRadio 702, zivakele ngentseni yangoLwesihlanu. 

UGwala wabhengeza kweyoMsintsi ngo2017 ukuba unesifo somhlaza wamathumbu (colon cancer) emva koxilongo.

Ngokutsho kwakhe, lo mhlaza wawusele ugabadele kangangokuba wawusele ufike nasesibindini.

UMthethwa uchaze uGwala njengomakhwekhwetha womsasazi kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bakhe. Ukungagungqi kwakhe enyanisweni kwenza inkuthazo. Lala ngoxolo Mphephethwa,” utshilo uMthethwa.

UGwala wazibalula kakhulu kwinkqubo u-A’skhulume kuSABC 1 apho wayexoxa ngemixholo ebangela isazela kwabasemagunyeni. Ukhe wasebenza nakwi-SAfm.