Uhlatyelwe ngaphakathi kwisibhedlele saseNgcobo wabhubha

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni abongoza eluntwini luwakhangelise umrhanelwa ohlabe wabulala indoda enamashumi amabini anesibhozo ebilele ngandletyananye kwigumbi lezigulana kwisibhedlele iAll Saints eNgcobo.

Esi siganeko senzeke phambi kwentsimbi yesithathu ekuzeni kusa ngoMvulo kule veki.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Namhla Mdleleni, ixhoba belisalindele ukuthungwa amanxeba njengoko belingene ngenjongo zokunyangwa amanxeba okuhlatywa.

UMdleleni uthi ngokwengxelo yabebekhona ithi kungene indoda engaziwayo ingabhungisanga nalapho ingqale ngqo kwixhoba iliphindaphinda ukulihlaba ngemela de labe liyabhubha.

Amapolisa ala mmandla abongoza lowo unokuthi abe nolwazi ngale ndoda ibuleleyo atsalele uColonel Matolweni waseNgcobo. Ayathembisa ukuba igama lalowo uze nolwazi liza kukhuseleka.

Othethela iSebe lezeMpilo ePhondweni, uSizwe Kupelo, uthi umrhanelwa ufike kanye ngexesha oogqirha namanesi bexakeke yile ndoda ngamanxeba ayo okuhlatywa.

UKupelo uthi lishumi lonke loonogada abe bephangele ngeli xesha kwesi sibhedlele kodwa umrhanelwa lo uye wazinyanzela ephethe imela wakwazi ukuyokufika kwisigulane waze wabe uyasosela. Uthi oogqirha namanesi baye babalekela ubomi babo. UKupelo uqhube wathi abo bathe babona lo mbono ombi ngolu hlobo baza kuthi bafumane ukolulekwa ngokwasengqondweni.

Ukanti isiganeko esinje akukho kokuqala sisenzeka kwesi sibhedlele.

Kwiminyaka edlulileyo kwabhubha isigulana esiyindoda sinamashumi amathandathu anesixhenxe ubudala sihlaselwa sesinye isigulana esinamashumi amabini anesibini kwigumbi lokulala kwesi sibhedlele. Isigulana sabhaqwa ebhedini yaso ngunesi owayephangele ngolo suku.

Isebe lezeMpilo ePhondweni lakhupha iindleko zomngcwabo kusapho lwexhoba. Umrhanelwa waye wabanjwa wabekwa ityala lokubulala.