‘Isakhono sam singavula amathuba engqesho kweli’

UAyanda Sityatha (26) uthi isakhono sakhe sokwenza amathobhi agungxulekayo singaba yenye yendlela enokunciphisa amathuba entswelangqesho kweli, kwaye nanjengomnye wabantu abangaphangeliyo, uyalibona igalelo anokuza nalo.

Eli tyendyana laseAmalinda Heights lithi lifunde esi sakhono ngexesha lalifunda kuGatyana kwaye lizibandakanya kwiiprojekthi ezininzi eRhawutini.

“Ndikhule ndizithanda izifundo zenzululwazi, ndiyacinga ukuba ziye zanegalelo kwesi sakhono sam,” utshilo uSityatha.

Uthi umcelimngeni ajongene nawo kukungafumani nkxaso yemali kuquka izixhobo azisebenzisayo, kwaye nanjengomnye wabemi beli, injongo yakhe kukuzisa inguqu nokuphucula isimo seli lizwe.

“Eli thobi liyakwazi ukugcina amanzi, kwaye le projekthi inganceda ekongeni amanzi esiphulukana nawo mihla le, kwaye iingcaphephe ezithile ziye zayiqinisekisa ukuba igqibelele,” waleke ngelitshoyo uSityata.

Uthi kudala ehamba amaziko kaRhulumente ngenjongo zokufuna uncedo kwakunye nebango lale projekthi, kodwa usoloko ebuya nelokuba abanazo iindlela zokumxhasa, ngoko ke uye wakhetha ukuzimela nanjengoko uRhulumente engafuni ukukhawulelana naye.

“Akululanga ukuzimela, izinto ezisebenzisayo zidinga imali kwaye yeyona nto ndingenayo leyo.”