UNgam ucela kuxhaswe iBorder Cricket ngeCawe

Umqeqeshi weBorder Cricket, uMfuneko Ngam, uthi iqela lakhe lizimisele ukuyiphumelela imidlalo yalo.

IBorder Cricket iza kwamkela iWestern Province emdlalweni oza kube useBuffalo Park Cricket Stadium ngentsimbi yeshumi kusasa ngeCawe. Umdlalo uza kube unamashumi amahlanu onke weeovazi. UNgam uthi uqinisekile okokuba amakhwenkwe akhe aza kulwa kangangoko ukuze aqinisekise ukuba ayawuphumelela umdlalo.

“Sizimisele ukuyiphumelela itumente siliqela. Ukuba aziphumeleli ezo iinzame, sifuna ukugqiba isizini sisendaweni entle.

Baninzi abadlali abanesakhono kwiqela lethu. Sizimisele ukuwuphumelela umdlalo esiza kuwudlala neWestern Province,” utshilo uNgam.

IBorder liqela elinembali entle kakhulu kwicala lokuvelisa abadlali abamnyama abakwinqanaba eliphezulu phakathi kwabo ekukho uMakhaya Ntini, uNgam, nabanye.

Umqhokri weBorder, uSinethemba Qeshile, naye ebekhe walifumana ithuba lokudlalela iProteas ekuqaleni.

UNgam uthi ngaphandle kokufuna ukuphumelela umdlalo, elinye iphupha leqela kukuthi gqolo livelisa abadlali abakwizinga eliphezulu.

“Sinabadlali abaselula kwiqela lethu nabanesakhono.

Sizimisele ukuvelisa abadlali abakwizinga eliphezulu. Asifuni baphelele kweli qela abadlali bale ngingqi,” utshilo uNgam.

Ephefumla ngengxaki ajongene nayo neqela, uNgam uthethe wenjenje: “Eyona nto engumcelimngeni kweli qela kukunqongophala kwenkxaso esuka kumashishini amakhulu.

Ukuze imidlalo ivelise abadlali abakwizinga eliphezulu, kudingeka inkxaso yezemali,” utshilo uNgam.

Umqeqeshi ubongozse abalandeli nabathandi beqakamba kummandla weBorder ukuba baphume ngobuninzi babo bayokuxhasa iqela lakhe.

“Kungenwa simahla emdlalweni, mabaphume ngobuninzi babo abantu. IBuffalo Park Cricket Stadium mayibe yindawo abazipholela kuyo abantu. Ngabantwana benu aba, ngabaninawa benu, ngabazala benu aba, bayayidinga inkxaso,” utshilo uNgam. IBorder idlale imidlalo emibini kule sizini, ibethwe komnye yaphumelela omnye.