Amabhokobhoko ndiwothulel’ umnqwazi!

Emva kokuphumelela kwaMaBhokobhoko iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo kuMgqibelo, womhla wesibini kwinyanga yeNkanga, uMzantsi Afrika ugcobe wonwaba kangangokuba kwakhangeleka kulibaleke neenzingo ezambethe izwe lakowethu.

Iinzingo ezifana nendlala, ubundlobongela, udlwengulo, ukugetyengwa kwabantu ngokungenalusini, ukwanda kokusetyenziswa kweziyobisi, ukwanda kwamanani olutsha olungenamisebenzi, ulawulo olufe amanqe nolungaxolisiyo loomasipala, ukubulalana kwamalungu emibutho yezopolitiko ngenxa yezikhundla nokungavisisani ngemigaqo emele kukulandelwa, ukurhoxa kwamanye wamalungu kwimibutho ethile yezopolitiko, kwanenkxwaleko yobugebenga nokusilela kwembeko ezikolweni.

Zonke ezi zinto, ngalo Mgqibelo wokuba ziintshatsheli zehlabathi kwaMaBhokobhoko, ziye zalityalwa kwabhiyozwa sisizwe ngokubanzi. Athe akugaleleka aMaBhokobhoko ngoLwesibini umhla wesihlanu, kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo, afikela kwisihikahika sendumezulu yolwamkelo, inguMbo nomXesibe kweso sikhululo seenqwelomoya. Kusitsho ingoma, uShosholoza noHier kom die Bokke bevunywa ngumntu wonke obekhawulele eli qela kweso sikhululo, ontsundu ebambene ngezandla nomhlophe, omhlophe exhage ontsundu, kungekho kubukulana ngebala, imvelaphi, inkolo, ulwimi nangemibutho eyahlukileyo.

Ummi woMzantsi Afrika eyimbumba, kungekho kuhanahanisa, elowo nalowo eziva enokuzingca ngeqela laMaBhokobhoko, ekwazingca nangakumbi ngokuba ngummi welizwe loMzantsi Afrika, ilizwe elizele laze lakhupha iintshatsheli zehlabathi kumdlalo wombhoxo.

Ngenxa yombulelo ongazenzisiyo waMaBhokobhoko, kuquka neziphathamandla zomdlalo wombhoxo nezombuso, kugqitywe ekubeni eli qela lihambe libonisa ngale ndebe yeWebb Ellis kumaphondo ohlukileyo kweli lizwe, ukuze abantu bazive bewongekile ngenkxaso yabo engagungqiyo kweli qela.

Ngenxa yokuba ixesha silibhala encwadini ke, eli qela alikwazanga kufikelela kuwo onke amaphondo. Nakuloo maphondo beliye kubhiyoza kuwo nabantu, zikho iindawo aMaBhokobhoko angakwazanga kufikelela kuzo, kwangenxa yexesha nokudinwa kwabadlali.

Nokuba kunjalo ke, ndinambono namnqweno wokuba abadlali baMaBhokobhoko, isigqeba sombhoxo ukusukela emaphondweni ukuya kuzwelonke, kuquka norhulumente, ungaphelanga lo nyaka sijonge kuwo, baya kuqinisekisa ukuba xa ithuba livuma, ezo ndawo angakwazanga ukufikelela kuzo aMaBhokobhoko, aya kuzindwendwela nokuba lithutyana, ingakumbi iindawo ezisemaphandleni.

Ndichonga iilali zasemaphandleni nje kukuba zezona zihlala ziphoswa zizinto ezikumila kunje, nangona inkxaso ephuma ezilalini, ingakumbi kwezemidlalo, inkulu ngokungathethekiyo.

Amakhwenkwe kaRassie Erasmus noMzwandile Stick, uhambo lokubhiyozela le ndebe nabantu aluqale kwiphondo leGauteng ngoLwesine umhla wesixhenxe, egqithela eKZN, aya eMonti naseBhayi ngokulandelelana kweentsuku, kwaza kugqityelwa kwisixeko saseKapa ngoMvulo umhla we11 kule nyanga yeNkanga.

Zonke iindawo ebehamba kuzo aMaBhokobhoko amkelwe ngomdla omkhulu ngabantu, kukhwazwa uKolisi; uFaf; uPollard; uDu Toit; uMapimpi; uKolbe; uAm; uMbonambi; uJantjies nabanye abadlali.

Ukwamkelwa kwawo kundikhumbuze imibhiyozo eyayisenzeka kwizwe lonke mhla kwakhululwa ubawo uNelson Mandela eluvalelweni, mhla kwafika iinqwelomoya zisuka kumazwe ngamazwe, zilayishe izikhakhamela zopolitiko zemibutho ngemibutho kwanabo babe sabele kumanye amazwe ngenxa yokuzibandakanya kumlo wedabi lenkululeko, bonke bekhokelwe ngubawo uOliver Reginald Tambo.

Le mibhoyozo yempumelelo yaMaBhokobhoko ikwandikhumbuze mhla umbutho wabantu iANC yaphumelela unyulo luka1994, mhla umntu ontsundu wayeza kufumana ithuba lokulawula nokukhokela ilizwe okokuqala embalini, okokugqibela, le mibhiyozo ikwandikhumbuze namhla kwabekwa uMadiba ngokusesikweni njengomongameli wokuqala ontsundu wezwe loMzantsi Afrika.

Kuyo yonke le mibhiyozo ndiyikhankanya ngentla apha, umntu woMzantsi Afrika wayebhiyoza kwaye evuya ngomoya omnye, ngokubumbana okukhulu, nangamxhelomnye.

Obu bunye wawusithi xa ububukele kumabonakude, ugqibe ngelithi inene eli lizwe lilizwe lethemba, ilizwe eliya kuhlala likholose ngobunye, ubuhlanga nokubukulana kuphele kuthi tu. Ilishwa ke lelokuba emva kwaloo mibhiyozo, ukubukulana ngokobuhlanga kwasuka kwanda, endaweni yokuncipha.

AMaBhokobhoko ndiwothulela umnqwazi, kuba ngale mpumelelo yawo, ngokuhamba-hamba kwiindawo zabantu ababe baxhasa, uMzantsi Afrika uphinde wayimbumba, ngethemba lokuba kuya kuhlala kunje.

Kungathi kanti bekumanyenwe nje ngenxa yokubhiyozela iqela laMaBhokobhoko, koko kuthi kanti mhla aMaBhokobhoko aphumelela iNdebe yeHlabathi isihlandlo sesithathu, oku kuya kudala umanyano olungagungqiyo kwiintlanga zoMzantsi Afrika, kumasiko eli lizwe, kwiinkolo zeli lizwe, nakwisizwe ngokubanzi.