Idabi leChiefs nePirates liphumela kwiDiski Challenge

Njengokuba amaqela adlala kwiPSL esathathe ikhefu, abantu baza kufumana omnye umlo ophakathi kweKaizer Chiefs neOrlando Pirates.

La maqela mabini aza kuswantsulisana emdlalweni weDiski Challenge oza kube useDobsonville Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Umdlalo wale veki udlalwa ngamaqela anabadlali abaselula ngokweminyaka kunye nabambalwa abadala abangafumani kakuhle ithuba lokudlala kumaqela amadala.

Idabi laseSoweto liza kuqala apho liyeke khona kwiveki ephelileyo emva kokuba iChiefs ibethe iPirates ngo’3-2 emdlalweni weAbsa Premiership obubanjelwe eFNB Stadium.

Okwenzeke eNasrec kwiveki ephelileyo kulindeleke kube nefuthe emdlalweni wangoMgqibelo ngoba abalandeli bePirates bangaxoliswa nokuba yintoni ngoku emva kokubethwa kweqela labo kabini yiChiefs iiveki zilandelelana.

Iqhuba kakuhle iPirates emdlalweni weDiski Challenge. Kanti yona iChiefs yagqibela ukuphumelela ngethuba ibetha iChippa United ngo’5-2.

AmaBhakaniya aqhube kakuhle emdlalweni emva kokubetha iStellenbosch ngo’2-0 nokubambana neGolden Arrows ngo’1-1.

UShaun Bartlett uza kuba nomsebenzi onzima njengomqeqeshi endaweni ka-Arthur Zwane oncedisa kwiqela lesizwe, xa ejongana nePirates emva kokuba iChiefs ibambene neBaroka FC ngo’1-1 neStellenbosch ngo’1-1.

Emva kwemidlalo, iBucs ihleli kwindawo yesine ngamanqaku angamashumi amabini anesine. Yona iChiefs ihleli kwindawo yesixhenxe ngeshumi elinethoba lamanqaku.

Lo mdlalo omkhulu uza kutshayelelwa yimidlalo emibini ekulindeleke ibe nomtsalane nayo ebantwini. Emdlalweni wokuqala ngentsimbi yeshumi elinanye, AmaZulu aza kuswantsulisana neGolden Arrows.

Kulandele idabi lasePitoli eliphakathi kweMamelodi Sundowns neSuperSport United ngentsimbi yokuqala eDobsonville Stadium.

Mgqibelo: Baroka vs Polokwane City @Peter Mokaba Stadium; Highlands Park vs Bidvest Wits @Makhulong Stadium; Maritzburg United vs Bloemfontein Celtic @Harry Gwala Stadium. Cawe: Black Leopards vs Chippa United @Thohoyandou Stadium; Stellenbosch vs Cape Town City @Malta Park Sports Ground.