UPamala osweleyo ucela inkxaso kuni bathand’imidlalo

ULisakhanya Pamala Umfanekiso: uthunyelwe

ULisakhanya Pamala ngumdlali wombhoxo onekamva eliqaqambileyo kakhulu.

Lo mfana ophuma kwilali yakwaNonkcampa, eQonce, uphakathi kwabadlali abalikhulu abaza kuthi bamele iphondo leMpuma Koloni kwimidlalo yetumente yombhoxo yabadlali abasixhenxe (Sevens) ekulindeleke ibanjelwe ePitoli kwinyanga ezayo.

Ugxa kaLisakhanya, uSimanye Danster, usungule iphulo ukuze akwazi ukunceda uPamala ngezinto zokudlala azidingayo.

“ULisakhanya ngunyana wetshomi kamama wam. Umama wakhe, uZanele Pamala, uthengisa amagwinya endaweni enye nomama wam eBhisho. Uye weza apha kum ezokundixelela ukuba akazukwazi ukumthengela amaquza okudlala unyana wakhe,” utshilo uDanster.

UDanster uthi uthathe isigqibo sokucela uncedo kumakhasi onxibelelwano kuba ebathembile abathandi bombhoxo.

“Ndiyawuthanda umbhoxo. Ndiyayazi ukuba abathandi bombhoxo bangabantu abaneentliziyo ezintle futhi bayakwazi ukunceda. Ndicela bafake isandla ukuze sincede uLisakhanya afumane izixhobo zokudlala ezifana namaquza,” utshilo uDanster.

UPamala uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba unephupha lokuba ngumdlali wombhoxo odlala kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

“Ndiyakuthanda ukudlala umdlalo wombhoxo. Iphupha lam kukudlala umbhoxo kwizinga eliphezulu,” utshilo.

Nangona umbhoxo ingumdlalo owaziwayo futhi odlalwayo kwiilali zaseQonce, kodwa abadlali abasakhulayo bayasokola ngenxa yokungabikho kweendawo nezinto ezisetyenziswayo xa kudlalwa.

Umdlali wombhoxo ophambili, uMakazole Mapimpi, ngethuba etyelele eMpuma Koloni kutshanje neqela lesizwe, ucele abasemagunyeni banike ingqwalasela abadlali basezilalini athe bayasokola ngenxa yokungabikho kwezinto zokudlala ezifunekayo.

Njengokuba kusiyiwa kwitumente esePitoli, usengxakini uPamala ngokuba unezinto angenazo zokudlala. Abantu abanqwenela ukunceda uPamala ukuze afezekise iphupha lakhe bangathetha noSimanye Danster ngomnxeba kule nombolo: 0769754288.