Iingxoxo ngokusetyenziswa kweVAR ziza kuqala kungekudala

Emva kwesankxwe esenziwe ngabalandeli bebhola nabaqeqeshi ngendlela oosompempe abenze ngayo iimpazamo, ingathi likhona ithemba lokuza nesisombululo.

Kwiveki ephelileyo, uSihlalo wePremier Soccer League, uGqr Irvin Khoza, uthembise ngokubamba iingxoxo nombutho olawula ibhola ekhatywayo, iSafa, malunga nokusetyenziswa kweVAR emidlalweni ekwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

UKhoza ukuthethe oku emva kokusongwa kwentlanganiso yonyaka ebibanjelwe eGauteng ebizinyaswe ngawo onke amalungu wePSL.

Ukusukela oko kuqale isizini yePSL, zininzi kakhulu iimpazamo ezithe zenziwa ngoosompempe emidlalweni.

Ezo mpazamo zithe zanyanzela abaqeqeshi abafana noPitso Mosimane no-Owen Da Gama ukuba bavakalise ukungoneliseki kwabo zizigqibo ezithathwe ngoosompempe abathile.

Umba weVAR usemtsha ebholeni ekhatywayo kodwa yeyona nkqubo yanamhlanje esebenzisa ubuchwepheshe esele ibonisile okokuba ingazicutha iimpazamo ezenziwa ngoosompempe.

Amandla nokusebenza kweVAR kuqale ukuvavanywa kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eRussia kunyaka ophelileyo.

“Eyona nto ephakanyiswe ngamalungu entlanganisweni ibe yinto yoosompempe. Kucelwe sidibane neSafa ukuze sikwazi ukuxoxa ngabo. Sibe nethamsanqa ke ngokuba ingqonyela ebambeleyo, uGay Mokoena, ebekhona entlanganisweni. Enye yezinto esiza kuxoxa ngayo neSafa kukusetyenziswa kweVAR ngokuba asikwazi ukuyisebenzisa siyiPSL ngaphandle kokugunyaziswa yiyo. Akukho sigqibo ngeVAR okwangoku kodwa sinethemba lokufumana isisombululo msinyane,” utshilo uKhoza emva kwentlanganiso.

Iindaba ezimnandi ezibhengezwe nguGqr Khoza yimali eyingeniso engaphaya kwebhiliyoni yeerandi eyenziwe yiPSL kunyakamali ka2018/19.

Yimbali leyo ethetha ukuthi amaqela aza kufumana uchatha kwimali ayifumanayo inyanga nenyanga ukusukela kwisizini ezayo.

UKhoza uthe ingeniso ifunqulwe kukuthengiswa kwamalungelo okusasaza imidlalo.

pedro.mapelo@inl.co.za