UBokoloshe uthembisa ngokubuya nodumo emlweni oseNgilane

Intshatsheli yoMzantsi Afrika kwiwelterweight uMziwoxolo Ndwayana engqongwe yimanejala nomqeqeshi wakhe uThandisile Poltini Stekelina Ndwayana emva kokuwongwa yiBoxing South Africa ngendebe umfanekiso: Sue Maclennan

INTSHATSHELI yoMzantsi Afrika kudidi lweWelterweight, uMzoxolo ‘Bokoloshe’ Ndwayana, izimisele ukuwakhwankqisa amaNgesi xa iqubisana noRyan Martin emdlalweni ogabulela umlo wentshinga yeCommonwealth kwiveki ezayo ngoMgqibelo kwindawo ekuthiwa yiSwindon kwilizwe laseNgilane.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lityelele uNdwayana eMakhanda apho aqeqeshwa khona nguyise uMnu. uStekelina Ndwayana, ukhangeleke ekwimeko ewulungeleyo umlo weveki ezayo.

“Ndigqibele ukulwa ngenyanga yoMsintsi, eTinarha, ngethuba ndikhusela intshinga yam yesizwe kwaye ndikubawela kakhulu ukukhwela eqongeni,” utshilo uBokoloshe engabethelwa nanguwathwethwa.

Uvumile ukuba akanalwazi lungako ngoMartin kodwa uthembise ukuba akasayi kubuya ngamva.

“Lithuba elihle eli ekumele ndilisebenzise ukuze ndiqiniseke ndisoloko ndifumana imilo eza kundibeka endaweni entle,” utshilo uNdwayana.

Uya kukhwela eqongeni enerekhodi lemilo elishumi elinesibhozo iyonke (18-4-2). Kanti yona imbethimanqindi yasemaNgesini, uRyan Martin, inemilo elishumi elinambini phantsi kwegama layo (12- 2- 1).

OkaMartin yena usazikhotha amanxeba emva kokudlala ngokulinganayo kutshanje noKain Iremiren ebekucingelwa ukuba ngumnyolwa aza kuwuthi qhwi.

Ikona yakhe ayonwabanga sesi siphumo kwaye icinga ukuba uNdwayana yibhulorho yokufezekisa iminqweno yayo.

UStekelina uthi baye bakwazi ukubukela iividiyo ezintathu zikaMartin.

Baye bamqaphela indlela adlala ngayo kwaye uthi baliqule baligangatha.

“Siyayazi kuza kuba nzima ukulwa nala mfo phambi kwabalandeli bakhe kodwa sakube sijongene naye kuphela eqongeni,” utsho umqeqeshi.

OkaNdwayana wenze umbulelo omkhulu kumthelekisi, uElliot Tshabalala, ngokuzamela umfana wakhe ithuba lokulwa kumazwe aphesheya eYurophu.