UGavin Hunt uzityand’ igila ngomthwalo onzima ojongene neBidvest Wits

Gavin Hunt, Coach of Bidvest Wits during the Absa Premiership 2019/20 football match between AmaZulu and Bidvest Wits at King Zwelithini Stadium, Durban on 03 August 2019 Gerhard Duraan/BackpagePix

Ingxabalazile
iBidvest Wits kule sizini. Ithi ingapha ibe ingaphaya ngenxa yemidlalo ye-Absa
Premiership neCaf Confederation Cup. Lo nto yenza ubuthongo bungehli kuGavin
Hunt ngenxa yomthwalo onzima eza kujongana nawo iWits kwinyanga yokuqala
ngo-2020. Isemva iWits ngokwemidlalo eyidlalileyo kwiPSL xa ithelekiswa namanye
amaqela – kodwa ngelishwa layo, imidlalo emine yonke iza kuyidlala enyangeni
enye kube kuqala eyeConfederation Cup kwelinye icala. Lihleli kwindawo
yesihlanu kwiPSL iqela likaHunt emva kokuqokelela iqaqobana lamanqaku alishumi
elinesithathu. Ukuba iWits ingakwazi ukuyiphumelela yonke imidlalo yayo
engekayidlali, ingakwazi ukuvala umsantsa ophakathi kwayo neKaizer Chiefs
ehleli phezulu emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amabini anesibhozo.

“Siza kuba
nomthwalo onzima kwinyanga yokuqala kunyaka ozayo ngoba siza kudlala imidlalo
emininzi kakhulu. Imeko yethu iyaziwa, sakube sisukela amanye amaqela aphambili
kuthi ngemidlalo. Ingxaki esijongene nayo kukuba iqela liza kukwazi na ukuvala
izithuba ezashiywa ngabadlali abahambayo ababebhalisiwe kwimidlalo yeCaf?
Sidinga abadlali. Unobangela woku kukuba uRogyn Johannes noFagrie Lakay
bahambile phambi kokuqala kwesizini. Iindawo zabo azikavalwa. Konke oko
kwenzeka abadlali abafana noSimon Murray
bengeke badlale kude kuphele isizini ngenxa yokonzakala,” utshilo uHunt osoloko
otyholwa ngokungazimiseli neqela lakhe emidlalweni yeCaf ngokufanayo neMamelodi
Sundowns.

IBidvest
Wits ithelekiswe neDjoliba yaseMali, iAl Nasr yaseLibya neHoroya yaseGuinea.
Sibe nelishwa ngoba indlela esithelekiswe ngayo imbi kakhulu. Amaqela esiza
kudlala nawo asemazweni esingeke sikwazi ukuya kuwo ngqo sisuka apha eMzantsi
Afrika. Xa sisiya kweminye imidlalo, kuza kufuneka sigqithe emazweni amabini
namathathu phambi kokuba sifike. Kufuneka sidlalile xa sifika kuloo mazwe
siphinde sibuye sibe silindwe yimidlalo ye-Absa Premiership,” utshilo uHunt
encokola neSolezwe ekuqaleni kwale veki.