‘Ndandingafuni adlale umbhoxo uLukhanyo!’

Umdlali ophambili waMaBhokobhoko, uLukhanyo Am, ubongoze ulutsha lwelokishi yakhe, iZwelitsha, eQonce, okokuba lukhuthalele ukuthatha inxaxheba kwezemidlalo.

ULukhanyo uthethe loo mazwi kwitheko lokwamkela yena njengomntu obebuyela ekhaya emva kokunceda AmaBhokobhoko aphumelele iNdebe yeHlabathi ngokubetha iNgilane kutshanje kwilizwe laseJapan.

ULukhanyo soze alityalwe emva kokunikela uMakazole Mapimpi owafaka itrayi yoMzantsi Afrika yokuqala endaweni yokuyifaka ngokwakhe.

Wenzelwe itheko uLukhanyo emva kokuba iQonce ingazange ibe phakathi kweendawo ezityelelwe liqela lesizwe lombhoxo ngethuba liseMpuma Koloni ekuqaleni kwale nyanga.

“Ulutsha malithathe inxaxheba kwezemidlalo. Ndincedwe yilo nto mna. Ndiqale ndadlala apha elokishini.

Imidlalo iza kubagcina kude kwizinto ezitshabalalisayo ezifana nokusebenzisa iziyobisi,” utshilo uAm.

Le ndedeba yaseZwelitsha ithi iNdebe yeHlabathi liwonga elikhethekileyo kuyo.

“Ukuba yinxalenye yeqela lesizwe, yinto esandichulumancisa nangoku. Indebe yehlabathi lelona wonga likhulu emidlalweni.

Liwonga elikhethekileyo,” utshilo uAm. Abantu baphume ngonina beyokuzimasa itheko ebekukho kulo neNkulumbuso yephondo, uOscar Mabuyane. “Ndibulela kakhulu kubo bonke abantu abazokundamkela. Iyakhuthaza into yokubona abantu bendawo yakho beyixhasa into oyenzayo. Iyandivuyisa kakhulu indlela abenza ngayo,” utshilo uAm.

Umama kaLukhanyo, uZukiswa Am, uthe iyamvuyisa into yokuba unyana wakhe ekwindawo akuyo ngoku.

“Iyandonwabisa into yokumbona ephumelela kwinto ayenzayo. Liphupha lomzali ngamnye ukubona umntwana wakhe ephumelela.

Iyandivuyisa nendlela aziphethe kakuhle ngayo nabahlonipha ngayo abantu,” utshilo umama kaLukhanyo.

Uthi zange ayicinge into yokuba unyana wakhe uya kuze abe ngumdlali wombhoxo obalaseleyo.

“Ndandingafuni adlale umbhoxo. Ndandisithi makadlale iqakamba okanye ibhola ekhatywayo kuba wayenomzimba omncinci futhi ndandimoyikisela.

Ndandingayifuni tu le nto yombhoxo. Kubalulekile ukuba umntu enze into ayithandayo.

Ndifunde nto kuyo yonke le nto yakhe,” utshilo umama kaLukhanyo.