Kootitshala…

: * Ingaba ulubona uxanduva lwakho njengetitshala luphela ukuphuma kwesikolo, uzinxweme kwiingxaki ezimayela nabafundi okanye phakathi kwabafundi?

* Ingaba uyabavumela abafundi ukuba bathethe ngendlela engekho mthethweni, engahloniphiyo nejongela phantsi amantombazana namanina?

* Xa abafundi abangamakhwenkwe benxwala, bencwasa okanye bexhaphaza intombazana okanye iqela lamantombazana, uye ucinge ukuba benziwa bubukhwenkwe?

* Ingaba uvingceke iindlebe kwiincoko zentlalo, ingakumbi ezo zichaphazela amakhwenkwe namantombazana egumbini lokufundisa? Ingaba uyalandula ukuthetha ngemicimbi engahambelani nezifundo nabafundi bakho?

* Awunakungenelela kwiinzame zokulwa ubundlobongela obusekelezelwe kwisini kwisikolo sakho, kuba ukholelwa ukuba wenza ngokwaneleyo ngomsebenzi wakho wesikolo?

* Ingaba uye ugrogrise ngobundlobongela ukunyanzela uzinzo egumbini lakho lokufundela?

* Ingaba ukholelwa ukuba abazali kumele ukuba benze indima yabo ukukhulisa abantwana, usithi wena uyayenza eyakho indima egumbini lokufunda?

* Ingaba awuniki nkuthazo kubafundi abangamantombazana ukuba benze umsebenzi wabo wesikolo kuba usithi ufanele abafundi abangamakhwenkwe? Ucinga ukuba ngumdla wabo wexesha elide?

* Ingaba xa uthetha okanye ubiza amanina (abanye abafundi okanye amakhosikazi namantombazana ebomini bakho) ngendlela ebangela ukuzoyikisela, edelelayo, ebaxa ngenjongo zokucinezela, enocalulo ngokwesini?

* Ingaba unesazela sokwanyelisa umfundi oyinkwenkwe ngokuziphatha okwentombazana?