UMabhere uza kulwela intshinga yehlabathi engenamntu

Iza nengxikela yamanqindi yokuvala unyaka iXaba Promotions. Ngomhla weshumi kwiveki ezayo, kulindeleke ukuba iXaba isingathe itumente enemilo esixhenxe yonke eMonti.

Umlo ophambili ngowukuzuza indawo ephezulu kumanqwanqwa weIBF phakathi kwentshatsheli yeIBO kwihlabathi kudidi lweJunior Bantam Weight, uGideon Buthelezi osuka eGauteng kunye noAlexandru Marin waseRomania ozinze kwelaseMelika.

Igqala laseMdantsane, uNkosinathi “Mabhere” Joyi, uza kujijisana ngentshinga yeIBO kwihlabathi yodidi lweNgcongolo engenamntu noJoey Canoy wasePhilipine.

Intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweJunior Bantam Weight, uSabelo Ngebiyane waseKapa uza kuxhimfana noLwandile Ngxeke waseMdantsane kumlo wentshinga yeABU Afrika engenamntu. Umlo uza kuba nemijikelo elishumi.

Intshatsheli yeWBC International, uAthenkosi Dumezweni waseMthatha, uza kubeka intshinga yakhe esichengeni xa edibana noFernando Martinez waseArgentina.

Kudidi lweJunior Middle Weight, uEmmany Kalambo waseDRC uza kulwelwa intshinga yeWBO Afrika noDaniel Lartey waseGhana.

Kwidabi laseMdantsane, intshatsheli yoMzantsi Afrika yodidi lweNgcongolo, uSibusiso Bandla, uza kukhusela intshinga yakhe kuSiyakholwa Khuse. Yena uSiphamandla Baleni waseMthatha uza kulwela intshinga yeWBO Global yodidi lweJunior Fly-Weight engenamntu noMuhsin Kizota waseTanzania.

Kwezinye iindaba zamanqindi, atshabalele amathemba kaZolani Tete okuba kumlo wokudibanisa iintshinga zehlabathi emva kokuphulukana nentshinga yeWBO yodidi lweNtambanani.

UTete ubethwe wanqandelwa ngusompempe kumjikelo wasithathu nguJohn Riel Casimero, eBirmingam, eNgilane, kwimpelaveki ephelileyo. Phambi komlo, uTete ebenephupha lokulwa nentshatsheli yeWorld Super Series enentshinga yeIBF neyeWBA, uNaoya Inoue waseJapan.

Ukubethwa kukaTete kuthetha ukuthi uphulukene nemilo emine kwimilo engamashumi amathathu anesibini.

Intshatsheli entsha uCasimero unyuse irekhodi lakhe lokuwisa iimbethimanqindi alwe nazo walibeka kumashumi amabini kwimilo engamashumi amabini anethoba.