Yongani nilondoloze loo manzana aseleyo!

Uluntu lakuKomani luphiwa amanzi yinkampani yeziselo iTwizza umfanekiso: uthunyelwe

Abahlali bakuKomani bafumene isiqabu esingephi emva kokuba abavelisi besiselo esihlwahlwazayo iTwizza bathe bangena iilokishi zalapho bephisa ngamanzi.

Ukunqaba kwemvula kule ngingqi kubanga ixhala kwaye nolwakhiwo lwedama iXonxa luthatha ithuba elide.

NgokoSomlomo weBhunga likaMaspala walapho eChris Hani, uThobeka Mqamelo, umthamo wedama eliyiWaterdown eliphokozela amanzi eWhittlesea nakuKomani ubungaphantsi komyinge wama28,6% ngethuba bewuhlola kwinyanga ephelileyo. Ukanti nyakenye lo myinge ububhabha ku87.9% nto ekhombisa iimpawu zembalela. Imvula igqibele ukuna ngenyanga yoMdumba kulo nyaka eKomani kwaye lo masipala untlithwe kanobom lunqongophalo lwemvula wade wabizwa njengendawo yentlekele ngurhulumente.

Ukanti isibonelelo senkampani iTwizza silandela ezinyaweni zeGift of the Givers engumbutho wesisa othe wathumela iitraka zamanzi ezibhedleleni nasekuhlaleni.

Nangona esi sibonelelo singumthanyana nje, uNolizwi Mkhombe waseZibeleni wenze umbulelo.

“Besikhe saphiwa amanzi ngeetraka nguMasipala savuya kakhulu nangona singazange sifumane sonke,” utshilo uMkhombe.

Omnye umhlali wakwaMlungisi, uMkhangeli Mfeketho, novuyiswe kukufumana isipho samanzi ubongoze uluntu ukuba luthandazele imvula.

“Ewe siyancedakala ngulo mnkinkisho kodwa inyaniso yeyokuba kufuneka amazulu avuleke ze imvula ine,” uMfeketho utshilo.

UMphathi wenkampani yakwaTwizza uLance Coertzen, uthi la manzi baphise ngawo bawafumene eMetele kwenye yeendawo abasebenza kuyo.

“Sithe sakubona ukuba ilanga ligqatsa ngamandla kule veki sabona kulungile ukuba sinike abahlali intwanana yamanzi. Ingxaki yamanzi ichaphazela wonke ummi walapha eChris Hani, ngoko njengokuba inkampani iyinxalenye yalapha sithe masenze okuthile,” uCoertzen utshilo.

La manzi ahanjiswe Ezibeleni Zone 1, Zone 2 , Zone 3, Komani Township, Newvale, Nomzamo naseMlungisi, kwaye abantu bakhangeleke bewanxanelwe ngokwenene.

Ukanti ibhodi elawula amanzi eMpuma Koloni, iAmatola Water, ihlabe ikhwelo kumntu wonke ukuba asebenzise amanzi ngonakekelo njengoko imbalela ithande ukugquba ephondweni. Isithethi sale bhodi uNosisa Sogayise uphawule ngelithi imithamo yemilambo enkinkisha amanzi ikwizinga eliphantsi.

“Imilambo yome khonkqo kwaye oku kuchaphazela ubomi bemfuyo kunye noluntu ngokubanzi. UMzantsi Afrika ubalelwa kwawona mazwe athwaxa kakhulu lunqongophalo lwamanzi,” utshilo uSogayise.

Uhambise ngelithi umlambo iRookrantz nonkinkishela ikomkhulu iBisho ungaphantsi komyinge we30% kwaye nedama iWriggleswade liphantsi kakhulu.

“Konke oku kuthetha ukuba kufuneka siwabesenzise ngononophelo amanzi,” uSogayise ulumkise watsho.

Ebhala kwincwadi yakhe yeveki, uMongameli Cyril Ramaphosa, naye uvakalise ixhala ngokuba semngciphekweni wokuswela amanzi. “Ngaphandle kokuba sinokwenza imigudu yokulondoloza amanzi, sikhuthaze ukusetyenziswa kwawo ngendlela eyongayo siza kujamelana nengxaki enkulu kuphuhliso nakwezorhwebo,” utshilo uMongameli.