Siyabakhupha ke abethu ezikolweni

Andazi nokuba ilungile okanye ayilunganga na le mfundo ngezesondo kuvakala ukuba isemnyango, iyangena ezikolweni kowama2020.

Ndiyivile ingxokolo yabantu namaqumrhu ethi akayifuni le nkqubo; kwelakhe icala umnikazi wayo uthi uyayifuna kwaye uza kuyenza, ubani ethanda engathandi.

Ndake ndazibona sele ndizamana nokulungisa umzali obhinqileyo owayemangaliswe yincwadi yezifundo ngezobomi yomntwanakhe.

Wayeyifumene ngebhaqo ilityelwe ngumntwana wakhe, wathi ngokumana eyityhila wafika kwizahluko ezingezesondo, zinemifanekiso kunjalo nje. Wothuka wabanda kukubona ‘amanyala’ anjalo encwadini yesikolo!

Wayithatha wayifihla, kwathi mhla ndandimtyelele wathi make andibonise umhlola wencwadi yesikolo. Iinjongo zakhe ke yayikukufumana uluvo lomntu wokhanyo malunga nokuba ingaba ngenene yincwadi yesikolo na leyo.

Ndangqina ukuba ngenene yincwadi yesikolo. Kwakuneentloni yena, ebuhlungu esithi akakwazi nokumjonga umntwanakhe, ukuthi kanti kuhleliwe nje ufundiswa le mikhuba esikolweni.

Ngale mbalana ke ndizama ukubonisa ukuba ayifiki le mfundo ezikolweni, kudala ikho. Enokuba kule izayo izinto zisondezwe kakhulu na, ibe iyatsarha ke xa injalo, kona akunto intsha ngokufundiswa kwabantwana ngezesondo ezikolweni.

Isikhalo esikhulu sesokuba baqalwa msinya sesi sifundo sizayo. Yimpazamo yabazali ke ukucinga ukuba abantwana abazi ngezesondo, kanti bazi lukhulu kunokuba sibacingela!

Kwaesekwibanga lokuqala umntwana uba sele anakwaziyo ngonxibelelwano lwendalo phakathi kowesiduna nowesikhomokazi. Baqala kanye kulawo mabanga ukuthetha ngemitshato nangokuba nabantwana nokubonisa umdla ngakwabesinye isini. Ewe, kuleyo ntanga basafana njee nokuqabelana kwamathole ebuhlanti, bakhule ke benezo ngqondo de bavuthwe.

Abantwana bayakholana nokuzenza ngathi abazi xa bephakathi kwethu; babeke bodwa wena uzova iindaba!

Ungahlupheka intliziyo ibe lihlwili xa unokuva iindaba ezincokolwa ngumntwanakho oneshumi elinambini leminyaka noogxa bakhe, zinkulu.

Ukuba kube kanti akakazibandakanyi kwezesondo vuya, lithamsanqa elo. Engekazibandakanyi nje usathanda, namhla afunayo akuzuba nguwo nomzuzu kwaye akuzubuzwa mzalini.

Masingaqhiphuki umbilini kakhulu ke ngoko yile mfundo izayo, nangani ndingayazi nje, ndingaqinisekanga kwanokuba ndiyafuna na ukuyazi, kuba sele zininzi gqithi izinto endingazaziyo ezifundiswa esikolweni.

Sasisaya kuzifundisela abantwana bethu ngezesondo nobuntu obudala, ngeendlela zethu nezazilunge kuthi. Kwakungebhaqo ngaloo mihla ukonakalela kwentombi ekhaya, kuba abafana neentombi babefundiswa, bezigcina neemfundiso, besoyika, behlonela.

Naba banamhlanje ke kuthiwa masibafundise, ngokwasesilungwini ke kodwa! Ukubafundisa ngokwasesilungwini ke kuthiwa kuza kubanceda bazi kwaye bangakhawulezi bazibandakanye kwezesondo; kuthiwa baza kuziqaphela lula izimbo zokubaxhaphaza ngokwesondo.

Kungade kube kunjalo ke ngale yokubavundlisa ngokuxhatshazwa, kodwa le yokuba abazukhawuleza bazibandakanye kwezesondo ndithi ndakuyicel’ ivuthiwe!

Kwawam amava abantwana bale mihla benza abakufunayo ngexesha abafuna ngalo. Ubafundisile ungabafundisanga ngezesondo, baza kungena kuzo bebaleka bakuthatha isigqibo sokwenjenjalo! Andithi mabangafundiswa ke zithsaba, endaweni yoko ndithi mabafundiswe. Mazife zitofile!

Kule nto yokwenza unothanda nokungabaphulaphuli abantu kukarhulumente kwezemfundo, aMaMpondomse ke wona ayevele abakhuphe abawo abantwana ezikolweni kwakubonakala ukuba urhulumente ufuna ukwenza ukuthanda kwakhe.

Ayevele athi “rhulumente siyabathatha ke thina abethu abantwana, sala ke wena nootishala bakho nenze ukuthanda kwenu esikolweni senu.” Kwakuba kugqityiwe ke ngaMaMpondomse khe laphuma lisitsho, kungekho yimbi iya kuphinda ithethwe ngaMaMpondomse ingekuko ukuwathobela kwinto athi afuna yona ngabantwana bawo.

Kazi sinalo na elo lungelo kulo rhumente wembubhisonkcubeko? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.