Uphando lwaseWSU kunyango lweman’ iphela

Umphandi waseWSU uGqirha Taiwo Olayemi Elufioye UMFANEKISO: UTHUNYELWE

BAMBI bayiteketisa ngelithi yiman’ iphela, xa umntu, ngokomzekelo, esiya evenkileni afike phaya sele engayazi okanye engayikhumbuli le nto azokuyithenga.

Oko kukulahlekelwa ziinkumbulo futhi ubani akufanelanga ukuba azikhathaze ngako, ingakumbi xa uye uphinde ubuyelwe zezo nkumbulo, uyikhumbule le nto ubuzoyithenga evenkileni.

Kodwa ingaba kukhona ukuxhalaba xa uvele ulibale igama lakho okanye inombolo yesazisi?

Masithi mhlawumbi uvele ulibale nje kwanto okanye isiganeko esakhe senzeka kuwe.

Umphandi waseWalter Sisulu University, wecandelo lamayeza ngokwemo yawo yemveli (pharmagnostic), uGqirha Taiwo Olayemi Elufioye wenze uphando esebenzisa amayeza esiNtu afumaneka eMpuma Koloni.

Uphando lwakhe belusekelezelwe kwibango lwabo banyanga ngesiNtu elithi akhona amayeza esiNtu okunceda ubani akhumbule izinto nangakumbi. Ngenene uElufioye uthi akhona la mayeza eMpuma Koloni, noxa ethe wala ukuwachaza ngamagama awo.

“Into esiyifumanisileyo kukuba kukho amayeza esiNtu, afumaneka apha eMpuma Koloni, nangakwazi ukuncedisa ekuthomalaliseni ukulahlekelwa ziinkumbulo,” utshilo uElufioye encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Olu phando silwenze emva kokufumanisa ukuba asingobantu badala kuphela abalahlekelwa ziinkumbulo, kukho nabantu abatsha abachatshazelwa yile ngxaki. Nditsho nabafundi baye bakhale ngokuba kukho izinto abazilibalayo xa kufikwe kwixesha lokuba mabazikhumbule. Nditsho nabantwana bayachatshazelwa yile ngxaki.”

Lo kaElufioye uthi ukulahlekelwa ziinkumbulo kuyohlukana, bakhona abaye bakhawuleze bacinge logama bekho abo baye bangaphindi bakhumbule kwaphela.

Umzekelo ukulahlekelwa sisitshixo semoto, ube ungayazi ukuba usibeke phi, kodwa uphinde usikhumbule.

Kubekho nabo baye bangakwazi ukukhumbula kwa-amagama abo, nalapho uElufioye athi kulapho ke ngoku umntu kufuneka enyangelwe le ngxaki, nesele ikwibakala leDementia.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za