USoyizwapi umangaliswe ngumsebenzi weBlitzboke

Abadlali beBlitzboke ngethuba bebhiyozela indebe yehlabathi emva kokubetha iqela lesizwe laseNew Zealand emdlalweni wokugqibela eDubai kwiveki ephelileyo

Ukapteni weqela lesizwe lombhoxo labadlali abasixhenxe, uSiviwe Soyizwapi, ubaqhwabele izandla oogxa bakhe emva kokwenza umsebenzi omhle emdlalweni wokugqibela weWorld Sevens Series obuseDubai kwimpelaveki egqithileyo.

USoyizwaphi waseMthatha ngokokuzalwa wanikwa uxanduva lokukhokela iBlitzboke kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ngumqeqeshi wakhe uNeil Powel phambi komdlalo wokuqala eThe Sevens Stadium.

Nangona iBlitzboke zibe namaxesha okuqhuba kakubi kwiitumente zombhoxo zamaqela anabadlali abasixhanxe kulo nyaka kodwa uSoyizwaphi ebengazi okokuba iqela lakhe liza kubuya nodumo eDubai.

Mhlawumbi, ukudlala kakuhle kwamakhwenkwe kaPowel kuphenjelelwe yimpumelelo yaMabhokobhoko kwitumente yehlabathi kodwa ke ekugqibeleni, azenzele eyawo imbali ngokubetha oompetha behlabathi, iNew Zealand, ngo’15-0 emdlalweni wokugqibela phambi kokuphakamisa indebe.

Okwenziwe yiBlitzboke kumshiye engakwazi ukuwuvala umlomo ngenxa yemincili.

USoyizwaphi ugaxele imbasa yakhe yokuqala yegolide engukapteni weBlitzboke.

“Phambi komdlalo, ndithe kungakuhle ukuba singaphumelela ngomhla wam wokuzalwa kuNel Ruhan. Sithe sakuyenza lo nto ndashiyeka ndingenawo amazwi,” utshilo uSoyizwaphi emva komdlalo.

“Indlela esidlale ngayo iphucuke ngokuhamba kwemidlalo ebesiyidlala.

“Emdlalweni ngamnye sikwazile ukudlala ngendlela ebesifuna ukudlala ngayo. Besidlala umbhoxo ngendlela yethu,” utshilo uSoyizwaphi.

Abadlali beqela lesizwe bafikele enkampini eKapa ekuqaleni kweveki apho balungiselela khona omnye umsebenzi wale veki.

“Siza kujongana neveki enzima ngoba siza kudlalela phambi kwabalandeli bethu kule veki.

Okubalulekileyo kuthi ngoku kukuqinisekisa okokuba siqala iqalo elitsha sikhuthazekile emva kwempumelelo esiyizuze eDubai,” uvale ngaloo mazwi uSoyizwapi. Omnye wabadlali abenze umahluko emdlalweni wokugqibela eDubai ibe nguSeabelo Senatla ekulindeleke aphinde afumane elinye ithuba emva kokukhonkxwa ngumonzakalo kweminye imidlalo yeBlitzboke egqithileyo.

UMzantsi Afrika uza kuqubisana namazwe afana neFiji neMelika emidlalweni yangempelaveki eqala ngoLwesihlanu.