Amakhosi abhiyozela amashumi amahlanu eminyaka angcwabe iHighlands Park

Eric Mathoho (r) celebrates goal with teammate Kearyn Baccus of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2019/20 match between Kaizer Chiefs and Highlands Park at the FNB Stadium, Johannesburg on the 08 January 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amakhosi
abhiyozele amashumi amahlanu eminyaka ngesitayile ngethuba engcwaba iHighlands Park ngamagowuli amathathu onke eqandeni
(3-0) emdlalweni we-Absa Premiership obutshisa eFNB Stadium namhlanje ebusuku.
Umdlalo ububukelwe ngabantu abaninzi noko emva kokuba abaphathi beKaizer Chiefs
begqibe kwelokuba bangenise abantu simahla namhlanje ukuze babeyinxalenye
yemibhiyozo yeqela elasekwa ngo-1970 nguKaizer Motaung. Kuye kwanyanzeleka
uErnst Middendorp enze iinguqu eziliqela kwiqela labadlali abaqhelekileyo
ngenxa yabadlali bakhe abanamakhadi. ULazarous Kambole, ongekazibonakalisi
kakuhle kwiChiefs ukusukela oko efikile, uSiphosakhe Ntiya-Ntiya noKgotso
Moleko, bafumene ithuba elinqabileyo lokuqala umdlalo. Amakhosi aqale umdlalo ngesantya
esiphezulu – kodwa nayo kwelayo icala iHighlands Park
ibizixhwithela.

Image may contain: 11 people, people smiling, people standing, crowd and outdoor

Umdlali wasemva,
uEric Mathoho, ubhakuzelise umnatha ngebhola entle ebisuka ekoneni kuLebo
Manyama. Oku kulandele emva komzamo kaLeonardo Castro ongakwazanga ukusebenzisa
ithuba ephambi kukaMarlon Heugh. Kwisigaba sesibini, uCastro ufake igowuli
lesibini emva kokuzuza ibhola entle ebigotywe nguKearyn Baccus. Khange kube
kudala, uCastro ufake igowuli lesithathu ngentloko. UTendai Ndoro noRamagalela
bazamile ukuyishukumisa iChiefs emva – kodwa uMathoho noDaniel Cardoso bebevale
mba. Ukuphumelela kweChiefs namhlanje kuzindaba ezimnandi kubalandeli bayo emva
kokubethwa yiSuperSport United ngo’2-1 emdlalweni wokuqala kulo nyaka. Noxa
abadlali beHighlands
Park
bezamile ukudlala
umdlalo ophucukileyo – kodwa iChiefs khange ibanike ithuba lokudala amathuba
emdlalweni. Iimpazamo ezenziwe ngabadlali bayo emva zinike amandla iChiefs
ebibonakala okokuba ayizimiselanga ukuphoxa abalandeli bayo eFNB Stadium
namhlanje.

  

Chiefs: Akpeyi, Moleko, Ntiya-Ntiya, Mathoho, Cardoso, Katsande,
Maluleka, Baccus, Castro, Manyama, Kambole.

Amalalela: Khune, Parker, Mphahlele, Ngezana, Zuma, Sasman,
Mashiane.

Highlands: Heugh, Mokoena 
Munyai, Motsepe, Banda, Mahlangu, Msimango, Ndoro, Shalulile, Mvala,
Ramagalela.

Amalalela: Peters, Mbatha, Mkhabela,
Letsholonyane,  Mbhele,  Motlafi, Mogalia.