Bane abantwana ababhubhileyo ngenxa yetyhefu!

Kubhubhe abantwana abane nekuquka kubo oseneminyaka emithathu kuphela emva kokutya ukutya abakuthathe kwindawo yokulahla inkunkuma kwaNU 30 eMotherwell eBhayi.

Oku kwenzeke ngomhla wesihlanu kule veki ngethuba bedlala kufuphi nendawo elahla inkunkuma. Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Andre Beetge wala mmandla, abantwana babhaqe iitships kwakunye necheese kwinkunkuma bazitya ngethuba bedlala kule ndawo. Amapolisa azikhabela kude ezi ngxelo, esithi oko kwakungqinwa ziziphumo zoqhaqho lwemizimba oluza kwenziwa ebantwaneni kuba isiqinisekiso awanaso.

Amaxhoba nguAlunamda Mqawu, 3, nobhubhele endleleni eya esibhedlele, udade wabo uZintle Mqawu,10, nabezanayo uAlizwa Rwayibhana, 5, udade wabo uAsive Rwayibhana,11, bona babhubhe ngethuba besafumana uncedo esibhedlele, ngokokutsho kwamapolisa.

Ingxelo ithi owesihlanu kubo uAsiphile Grootboom, 7, usindile emva kokufumana uncedo noye wabalekiselwa esibhedlele emva kokuba ethe waneempawu ezifana noogxa bakhe.

Iqwakuqwaku livuliwe ngamapolisa aseMotherwell.

Ukanti akwatyelele le ndawo nalapho aye afumanisa ukuba uNU 30 ugcwele nje iindawo zokulahla inkunkuma nezingekudanga nemizi.

Inkumanda kwisikhululo saseMotherwell, uNjengele Dawie Rabie, udlulise amazwi ovelwano kuzo zonke iintsapho zamaxhoba eziphulukene neentsana zazo.

Udlulise nesilumkiso kubahlali ekubeni bahlale bebajonga abantwana kwaye bohlukane nokuthatha ukutya okulahliweyo.