UZinnbauer ugxeleshe ukudibana neSundowns

Umqeqeshi weOrlando Pirates, uJosef Zinnbauer umfanekiso: Kabelo Leputu/BackpagePix

Umqeqeshi weOrlando Pirates, uJosef Zinnbauer, uyivuyele impumelelo ezuzwe liqela lakhe phambi komdlalo awuchaze njengowona ubalulekileyo kwiveki ezayo.

Phantsi kwegama lakhe, iPirates iphumelele imidlalo emibini kakuhle kakhulu kwemine edlalwe ukusukela mhla wathatha iintambo kuRhulani Mokwena esiphakathini kwinyanga yokugqibela kunyaka ophelileyo.

Kweminye imidlalo emibini, iBucs idlale ntanganye kodwa umahluko obonakalayo phantsi kwendoda yaseJamani kukuba (iPirates) ifaka amagowuli futhi iphumelela ngamagowuli amaninzi.

Ayikabethwa ukusukela oko efikile uZinnbauer kodwa kwakufuneka isebenze ngokuphindeneyo ukuze livale umsantsa ophakathi kwayo namaqela afana neKaizer Chiefs, iMamelodi Sundowns neBidvest Wits.

Uvuye kakhulu umqeqeshi emva kokuba iPirates icambalalise iPolokwane City ngo4-1 emdlalweni weAbsa Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngoLwesibini ebusuku.

Noxa iPirates iwulawule umdlalo ukusukela ekuqaleni kodwa kusekho iindawana ezingekathi ncam (umqeqeshi) acinga ukuba ziza kuthatha ixesha.

“Indlela esidlale ngayo isiqingatha sokuqala yeyona esifuna iPirates idlale ngayo. Esikubone kwisigaba sesibini bekungekuhlanga ncam kodwa ndiyayazi akululanga ukudlala imidlalo emibini kwiintsuku ezintathu,” utshilo uZinnbauer emva komdlalo.

Kwiveki ezayo, iBucs iza kudibana neSundowns emdlalweni obalulekileyo.

“Sinomdlalo obalulekileyo kwiveki ezayo. Umdlalo wethu uyaphucuka kodwa sidinga ithuba lokuzilungisa ezinye izinto,” utshilo iZinnbauer.

Emdlalweni ozayo, iPirates iza kuthembela kuGabadinho Mhango ofake amagowuli amathathu eyedwa emdlalweni ebethe kuwo iPolokwane. Okucacileyo kukuba uMhango uzimisele ukuyinceda iPirates ekwindawo yesihlanu kwaye ngoyena mdlali osele efake amagowuli amaninzi (10) kwiPSL ngoku.

Kweminye imidlalo eqhubeke ekuqaleni kwale veki, iSundowns ibambene ngeqanda neBidvest Wits emdlalweni obuseLoftus Stadium.

Lo nto ithetha ukuthi iDowns iya emdlalweni weCAF isahleli kwindawo yesibini, ilandelwa yiWits kwindawo yesithathu. Yona iBloemfontein Celtic izibethele iStellenbosch ngo’2-1 emdlalweni obuseKapa.

Imidlalo yePSL:

Mgqibelo: Baroka FC vs Polokwane City @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Highlands Park vs Stellenbosch @Makhulong Stadium, 15:30; Chippa United vs Mariburg United @Sisa Dukashe Stadium, 20:15

Cawe: Kaizer Chiefs vs Cape Town City @FNB Stadium, 15:30; AmaZulu vs SuperSport United @King Zwelithini Stadium, 15:30; Bloemfontein Celtic vs Black Leopards @Dr Molemela Stadium, 15:30

isibhalo@inl.co.za