Kudibene iincutshe zelizwe eMonti

UMphathiswa wezeMidlalo, iNkcubeko nobuGcisa, uFezeka Bayeni, exhagwe zizikhulu zentenetya, uphehlelele itumente yentenetya eqale ngomhla wesibhozo ukuya koweshumi elinesibini eMonti. Umfanekiso: DSRAC

Abadlali bentenetya, abakwinqanaba eliphezulu nelisezantsi, bakhuphisana kweyona tumente inkulu eMpuma Koloni eququzelelwa yinkampani kaMnu. Khaya Majola, iKM Sports.

Le tumente iyinxalenye yenkqubo yophuhliso lwentenetya eMpuma Koloni, iphehlelelwe nguMphathiswa wezeMidlalo, iNkcubeko, ubuGcisa noLonwabo uFezeka Bayeni, kwindibano ebibanjelwe eMonti kule veki.

Njengokuba umdlalo wentenetya ubonwa njengowabamhlophe, uMajola, iBuffalo City Metro nesebe lezeMidlalo, bagqibe kwelokuba bazise itumente etsale iincutshe zabadlali abaphezulu eMzantsi Afrika ukuze bafuthelane nabo basakhasayo.

Abadlali abaphuma mbombo zone zelizwe balwela imali engaphaya kwekhulu lamawaka eerandi (R120 000) – kodwa umntu ngamnye othe wazuza indawo yokuqala kumanene nakumanenekazi uza kufumana amashumi amabini amawaka eerandi (R20 000).

“Siyakuvuyela ukubalapha eMpuma Koloni ngoba bakhona abantu abanesakhono sokudlala intenetya apha. Sithi enkosi kwiKM Sports eququzelele itumente. Ekuqaleni sasingakholelwa ukuba iya kuphumelela,” utshilo uMongameli weTennis SA.

UMphathiswa uthe itumente kufanele iguqule umfanekiso othi intenetya ngumdlalo wabantu abamhlophe bodwa.

“Into entle ngale tumente kukuba inabadlali abaziwayo nabasakhulayo. Enye yezinto endiyithandayo ngobukho babadlali abaphezulu kukuba abasakhulayo bafumana ithuba lokufunxa ulwazi. Kuyasonwabisa ukubona umdlalo wentenetya kwiindawo zethu. Sinethemba lokuba le tumente iyakuthi iqinise uthando lwentenetya kweli phondo,” utshilo uBayeni.

Yena uMajola uthe ngabadlali abakwinqanaba eliphezulu abaze kweyona tumente inkulu kwaye beyiKM Sports bonwabe kakhulu ngoba inalo nefuthe kuqoqosho lwendawo ekuyo.

“Siza kusingatha iminyhadala eliqela. Kungekudala, siza kungena kwiphondo laseGauteng. Iyakhula intenetya kwiindawo ezifana neBhayi. Yinqwaba yabadlali abakwiindawo zabantu abamnyama. Yiyo lo nto sicinga ukuba itumente efana nale bayifanele ukuze bazibonakalise kuyo,” utsholo uMajeke.

Umdlali ophambili eMzantsi Afrika kumanenekazi, uChanel Simmonds, uthe uzimisele ukubonisa abantu umdlalo osezingeni eliphezulu kakhulu. Itumente idlalelwa eSelborne Tennis Park.