UKempson uqinisekile ngokuhlangula iKings

Umqeqeshi weSouthern Kings, uRobbie Kempson, ukholelwa kwelokuba liseza kuqhuba kakuhle iqela lakhe kwiPRO 14.

Oku kuvakaliswe nguKempson emva kokutywatyushwa kweKings kanabom yiEdinburgh ngo61-13 emdlalweni obuseScotland kwimpelaveki egqithileyo.

IKings isazuze impumelelo enye kule sizini kwaye isahleli emsileni kwiPRO 14. Ifolosi yeKings, uPieter Scholtz, ikhutshwe ngekhadi elibomvu ngenxa yokudlala kakubi nguJohn Barclay. Lo nto iliqhwalelisile iqela laseBhati.

UKempson uthi uyakholwa ukuba lisenakho ukuzuza impumelelo iqela lakhe.

“Okokuqala, mandiqhwabele izandla iEdinburgh ngokuzuza impumelelo emdlalweni wokuqala enyakeni. Idlale kakuhle kakhulu. Kwimizuzu yokuqala, nathi sidlale kakuhle. Lo nto indinika ithemba lokuba singenza ngcono kule isizini. Siphulukene nolawulo lomdlalo emva kwekhadi elibomvu likaPieter Scholtz,” utshilo uKempson.

UKempson uthi ingxaki elijongene nayo iqela lakhe okwangoku yindlela abacinga ngayo abadlali abanamava.

“Okwangoku indlela abacinga ngayo abadlali yiyo esasokolisayo. Abadlali abaninzi bethu abanamava abakakuqheli ukudlala kwiPRO 14. Ngekulula ukuba ibingabadlali abaselula ababesihambe nabo,” utshilo uKempson.

Le ndedeba ithi bayazama ukubiza iingcali ezinokusombulula le ngxaki.

“Siyazama ukuzisa abantu abaza kunceda abadlali bethu ukuze batshintshe indlela abacinga ngayo. Sikhe sabiza nendadi ephume izandla, ugqirha Kirsten van Heerden. Sizimisele ukubanceda abadlali bethu,” utshilo uKempson.

Nangona iqela lakhe lisathe gabhu engxakini, uKempson uthi ukuzalelwa kwakhe eMpuma Koloni nokuqhelana nesimo seli phondo kuza kumnceda kwiinzame zakhe zokuhlangula iqela.

“Ndiyinzalelwane yeli phondo. Ndiyazazi iingxaki abajongene nazo abadlali. Siliqela labaqeqeshi sinako ukulihlangula eli qela ,” utshilo uKempson.

Kumdlalo olandelayo, iKings iza kungquzulana neCheetahs ngomhla wama25 eBhayi.