Iqela lebhola laseGcuwa litsala nzima kwiWomen’s National League!

Iqela laseGcuwa, iThunderbirds Ladies, liya emdlalweni walo weWomens National League ngempelaveki liqhwalela. Umfankiso: Anele Raziya

Iqela laseGcuwa, iThunderbirds
Ladies, liya emdlalweni walo weWomen’s National League ngempelaveki liqhwalela.
Eli qela lamantombazana lijongene nengxaki phambi komdlalo walo ongempelaveki
ngenxa yokonzakala kwabadlali. NgoMgqibelo, emveni kwemini eJan Smuts Stadium,
eMonti, iqela lika Thembalethu Apleni liza kwamkela i-University of
Western Cape kwaye kubalulekile
ukuba liwuphumelele umdlalo ukuze liphucule indawo elihleli kuyo kwiWomen’s
League.

Kodwa umqeqeshi u-Apleni
akaboni kuza kubalula ukuphumelela umdlalo ngenxa yokuqhwalela kwamalungiselelo
wabo ngenxa yabadlali abangekaphili emva kokonzakala kunyaka ophelileyo.

“Amalungiselelo wethu aphinde anelishwa
kuba kubadlali abalishumi elinanye ababekhona ngokuya sasidlala neDurban
Ladies, ababini kubo babonzakele kwaye abakaphili,” kutsho uApleni. Kuloo
mdlalo owawungomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga yoMnga ka-2019,
iThunderbirds yabethwa ngamanqaku amane kwelinye (4-10 yiDurban Ladies.
NgoMgqibelo, ithemba lakhe uApleni uthi
ulixhome kubadlali abatsha abane ababafumene kumaqela adlala kwiSasol League.

Kodwa nalapho, uthandazela ukuba
ziphunyezwe ngokhawuleza iincwadi zokudlala zabadlali ukuze bakwazi ukuthatha
ixhanxeba kumdlalo ophakathi kweqela lakhe neWestern Cape.

Okwangoku iintombi zika-Apleni
zihleli emsileni kwindawo yeshumi elinanye kwiWomen’s National League. Zinamanqaku
amathandathu eziwazuze emidlalweni elishumi elinesithathu yomjikelo wokuqala
kule sizini.
Isaphumelele
umdlalo omnye iThunderbirds, yadlala ntanganye kwemithathu yaze yabethwa
kwelithoba. Yona iWestern Cape
ihleli kwindawo yesithandathu, inamanqaku alishumi elinesithandathu emveni
kokudlala imidlalo elishumi elinesithandathu. Lo nto ichaza ukuthi umdlalo wangoMgqibelo
kulindeleke ube nzima kakhulu kwiintombi zika-Apleni.