Kubanjwe intwazana ngetyala lokubulala

Elalini yakwaMdeni eSikhobeni eDutywa, intwazana enamashumi amabini ubudala bekungekho namnye umntu obengayazi kwilali yayo ukuba ikhulelwe kwaye sele ziphezulu iinyanga zokuba ibeleke.

Ngenene kuLwesibini wale veki uye wabonwa ukuba isisu asikho kwabe kanti ubelekile usana oluyinkwenkwe.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla, uKapteni Jackson Manatha, ithi imveku leyo iye yabonwa yonzakele, inemikrwelo kumzimba wayo ongentla.

Iye yabalekiselwa kwiziko lezempilo eDutywa, apho iye yabhubhela khona.

Umama womntwana uye wabanjwa ngamapolisa aseDutywa ze wabekwa ityala lokubulala. Kulindeleke ukuba avele kusasa namhlanje (Lwesine) kwiNkundla yaseDutywa.

Kusenjalo, ayifumananga bheyile indoda enamashumi amathathu anesixhenxe yaseMdantsane ejongene netyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi.

Le ndoda ibivele kwiNkundla eMdantsane ngoMvulo nalapho abahlali bakwaNU.18 bebezalise nangaphandle bezokuxhasa usapho lwexhoba.

UKapteni Mluleki Mbi udiza ukuba isizathu sokunganikwa bheyile komrhanelwa kukuba bekunengxaki kubuxhakaxhaka bokushicilela ngaphakathi enkundleni. Umrhanelwa ebevela okwesibini ngoMvulo. Uza kuphinda abuyele ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga.

UMbi uthi utata wexhoba ebephakathi koluntu obeluzalise le nkundla.