Udukile umdlali weChiefs

Akaziwa apho akhoyo umdlali weChiefs ngumqeqeshi.

UJames Kotei kuthiwa uduke nezwe emva kokuvakala kwamahumhum athe uza kuthengiswa yiChiefs.

Lo mdlali waseGhana ngomnye wabadlali abambalwa abagaleleka eNaturena phambi kokuqala kwesizini yePSL ka2019/20 kodwa yena akadlali kwiChiefs.

Noxa wayebabazwa njengabamaziyo ekufikeni kwakhe eMzantsi Afrika, kodwa akakwazanga ukumelana nokhuphiswano lwamadoda afana noWillard Katsande noGeorge Maluleka.

Ethetha neentatheli kutshanje, uErnst Middendorp uthe akamazi nokuba uphi uKotei kwaye akekho eNaturena.

“Andingeze ndikwazi ukutsho ukuba uphi ngoba akekho apha. Andimazi apho akhoyo. Akekho apha namhlanje futhi nayizolo ebengekho,” utshilo uModdendorp ethetha eNaturena kwiveki ephelileyo.

Kuthiwa iChiefs incwase ukumthengisa, endaweni yakhe ifake uAnthony Akumu waseKenya oshiye iZESCO United kutshanje.