ULukhanyo yinkokheli entsha yeCell C Sharks!

ULukhanyo Am uchongwe njengoKapteni omtsha weCell C Sharks phambi kokuqala kwesizini yeSuper Rugby umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Zisuka nje enyakeni omtsha, uLukhanyo Am unyuselwe liqela lakhe. Indodana yakwa-Am, 26, ibekwe ngokusesikweni njengoKapteni omtsha weCell C Sharks phambi kokuqala kwesizini yeSuper Rugby yalo nyaka.

Ukunikwa kukaLukhanyo uxanduva lokukhokela iqela lombhoxo laseThekwini kwenzeka kanye emva kokuba encede AmaBhokobhoko aphumelele iNdebe yeHlabathi ekuzeni kuphela kuka2019.

Le ndedeba, ephuma eQonce kwiphondo leMpuma Koloni, yaqala ukuziqaqambisa embhoxweni kwiBorder Bulldogs waze waya kwiSouthern Kings ezinze eBhayi phambi kokuya kwiSharks, emva kwesithuba esingunyaka kwakucaca okokuba isakhono sakhe sokudlala umbhoxo siyakhula.

Isibhengezo ngokunyuselwa kukaLukhanyo asothusanga ngoba ungumdlali ozimiseleyo kakhulu emsebenzini wakhe kwaye samkelwe ngovuyo olukhulu ngabalandeli bombhoxo elizweni jikelele.

Naye uLukhanyo ukwamkele ngovuyo ukunikwa kwakhe umsebenzi wokukhokela elinye lamaqela aphambili embhoxweni waseMzantsi Afrika.

“Ukuchongwa kwam liwonga elikhulu. Sineqela eliluqilima, elimanyeneyo nelinabadlali abazimisele ukwenza umahluko obonakalayo. Siza kuqinisekisa okokuba kuyo yonke into esiyenzayo, sibeka iqela phambili,” uthethe loo mazwi uLukhanyo emva kokuchongwa kwakhe kwiSharks.

Umqeqeshi weSharks, uSean Everitt, ubalule ukuzinikela kukaLukhanyo njengenye yezinto ezithe zanefuthe kwisigqibo sokunikwa kwakhe isikhundla esiphezulu.

“ULukhanyo simkhethe kuba engumdlali oqheleneyo nempumelelo, unefuthe eqeleni kwaye ungumntu ozinikeleyo kwiCell C Sharks. Andithandabuzi nakancinci, abadlali abasakhulayo baza kukhuthazeka sisikhokelo sakhe. ULukhanyo uza kuncediswa ngabanye abadlali abaziinkokeli,” utshilo umqeqeshi.

USean Everitt uthe abadlali abafana noLouis Schreuder, uAndre Esterhuizen, uMakazole Mapimpi, uThomas du Toit noCurwin Bosch baza kuqinisekisa okokuba uLukhanyo ufumana inkxaso epheleleyo xa kufuneka kuthathwe izigqibo ezibalulekileyo kwiCell C Sharks imidlalo yesizini ka2020 yonke.