UManyama ubavele ngemva Abafana Bes’thende ngomzuzu wokugqibela kwaphela ngabo

Danny Phiri of Lamontville Golden Arrows puts pressure on Lebogang Manyama of Kaizer Chiefs FC during the Absa Premiership 2019/20 game between Golden Arrows and Kaizer Chiefs at Moses Mabhida Stadium in Durban on 25 January 2020 Gerhard Duraan/BackpagePix

Amakhosi
agoduke onwabile emva kokuphumelela umdlalo obunzima kakhulu eMoses Mabhida
Stadium. ULebogang Manyama ubavele ngemva Abafana Bes’thende kwaphela ngabo
ngethuba efaka ibhola ayikhabe ekude emizuzwini yokugqibela emdlalweni we-Absa
Premiership ongakhange utake iintlantsi namhlanje. Ngaphandle kwamathandabuzo
abadlali beLamontville Golden Arrows baphoxekile ngoba bakwazile ukubabamba
abadlali beKaizer Chiefs abayingozi kuzo zozibini izigaba zomdlalo. Wona
umdlalo uqale ngesantya esiphantsi – kodwa kuvele kwacaca kwasekuqaleni okokuba
iGolden Arrows idlalela ukungabethwa. Isiqingatha sokuqala siphele kungekho
nalinye iqela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini – phofu ebenqabile nabathuba
emdlalweni.

Umdlalo ubudikidiki
nakwesesibini isiqingatha nangona bekubonakala okokuba iChiefs iyafuna ukuya
phambili. Eyona ndoda ebixakekile nguNtiya-Ntiya ekunxele ngoba Abafana Bes’thende
bebesebenzisa icala layo. Kwixesha elongezelelweyo, uManyama uwukhulule umzi
kunzima yatsho yafumana amanqaku amathathu iChiefs. Ngoku iChiefs ihamba
phambili ngamanqaku alishumi phezulu kwiPSL, ishiya iMamelodi Sundowns esenomdlalo
engekawudlali. Kweminye imidlalo edlalwe izolo, iSuperSport United ivuthulule
iChippa United ngo’3-0 emdlalweni obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. ICape Town
City
ibethe iBlack
Leopards ngo’1-0 eCape Town Stadium. Namhlanje iStellenbosch ibethe iPolokwane City ngo’1-0.

 

Arrows: Mlungwana, S.Dube, Sibisi, 
Mathiane, Lunga, Makhubela, Shitolo, Phiri,  Parusnath, Mtshali, Mutizwa.

Amalalela:
Gumede,.L.Dube, Nkombelo, Venter, Sibeko,  Zuke, Lamola.

Chiefs:
Akpeyi, Moleko, Ntiya-Ntiya, Cardoso, Mathoho, Katsande, Zuma, Maluleka,
Castro, Manyama, Nurkovic.

Amalalela:
Khune, Parker, Kambole, Ngezana, Baccus, Frosler, Mashiane.