Ingafundiswa ekholejini intsangu!

Inkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ethetha eMagwa apho kubanjelwe khona umsitho weRural Development Indaba eLusikisikiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Umphathiswa wesebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle, uNomakhosazana Meth, uthi ukwiphulo lokucenga iNkulumbuso yeli phondo ukuba kuvulwe iKholeji efundisa ngentsangu eLusikisiki.

UMeth uthi akathandabuzi ukuba kungenzeka ukufundiswa kwentsangu kwiziko elavalwayo elalisaya kuqeqesha ootitshala eLusikisiki.

“Umongameli uCyril Ramaphosa uyithethe yacaca kubantu baseLusikisiki esithi mabavuselele le Kholeji isetyenziswe nokuba yenza ntoni, mna ndinombono wokuba isetyenziswe, kufundiswe ngentsangu,” kutsho uMeth.

Lo Mphathiswa ebethetha kwinkomfa entsukuntathu ebanjelwe kumasimi eti eMagwa, eLusikisiki, nebixoxa ngamacebo okunabisa ukutyalwa kwemali eMpuma Koloni. “Intsangu sesinye sezityalo esibaluleke kakhulu kuluntu lwale ngingqi yasemaMpondweni, ngoko kumele ukuba bafundiswe banzi ngayo ukuze bayivelise kumgangatho ophezulu benolwazi, nanjengoko kuvumeleke ukuba iveliswe njengechiza lokunyanga,” utsho uMeth.

Ukanti iNkulumbuso yeli phondo, uLubabalo Mabuyane, akazichasanga ezi mbono. “Yinto enokwenzeka leyo, kodwa kusenziwa uphando olubanzi ngokomthetho, inzululwazi nezinye iindlela ukuze sikhulise uluntu kwiindlela zokusebenza nokuveliswa kwentsangu,” kutsho uMabuyane.

UMeth uthi sele ehambele phambili ukwenza uphando ngokunokwenzeka ukukhulisa imveliso yentsangu eMpuma Koloni ingakumbi emaMpondweni.

“Sivela eCanada, abantu baphaya banolwazi olubanzi kakhulu kwimveliso yentsangu, kungoko sifuna ukuba abantu bethu bafunde esikolweni ngentsangu ukuze bazixhase ngolwazi, ukuvelisa ichiza eliza kunyanga kufuna ulwazi olubanzi,” uthethe watsho uMeth. Umthetho weli loMzantsi Afrika wakuvumela ukusetyenziswa kwentsangu ngenjongo zokuba isetyenziswe njengechiza lokunyanga. UMabuyane uthi kunokwenzeka nangokuba kufakwe nezinye izifundo.

“IKholeji le ingangabi yeyentsangu kuphela, kodwa ingakho nayo njengesifundo esifundiswa yiKholeji leyo, kuxhotyiswe uluntu banzi ukuze kukhule imveliso yentsangu,” utsho uMabuyane. Le nkulumbuso ayikhange ichithe xesha ibongoza abantu beli phondo ukuba basebenzise imihlaba abanayo.

“Abo banayo imihlaba siyacela mayisetyenziswe ukuze ivelise ukutya okuninzi, esikuthenga ezivenkileni zeli phondo kusuka kumanye amaphondo, kumele ukuba ifikelele esiphelweni lo nto,” utsho uMabuyane. Uhambisa athi unolwazi lokuba abantu abafuna imbuyekezo yomhlaba, bathatha imali endaweni yokufumana umhlaba ukuze baqhubeke bevelisa ukutya.

USekela Mphathiswa wesebe lokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinane, uZoleka Capa, uxelele izifundiswa, amagosa karhulumente namafama ukuba lifikile ixesha lokuba kusetyenziswe umhlaba. “Ingxaki ngomhlaba kukuba kufika umntu phakathi kwabantu engahlali kwakule ndawo, athi abantu bayaqhathwa kulibaziseke inkqubo zokukhula koqoqosho. IiNkosi mazingenelele baphume aba bantu kuphuhliso lwethu,” uthethe watsho uCapa.

Le nkomfa ibifudunyezwe bubukho beengcali eziquka uNjingalwazi Somadoda Fikeni, Njingalwazi Nomfundo Luswazi, Njingalwazi Muxe Nkondo noGqirha uNokuzola Mndende. IKumkani yamaMpondo uZanozuko Sigcau umemelele intsebenziswano phakathi kwabo bachaphazeleka kuphuhliso.

“Ukuba singahlukana nale nto yokuba sisuke kwathina siphinde sibe zintshaba zethu, ngokuba sichitha ixesha sisilwa sodwa, lo nto ichaphazele uphuhliso,” kutsho uSigcau.