Kutshintshe ntoni phantsi kukaZinnbauer?

UVincent Pule weOrlando Pirates uthi iqela lakhe liza kulwa kude kube sekugqibeleni kwesizini. umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Xa ubani ethelekisa indlela edlala ngayo iOrlando Pirates ngoku nangokuya bekuqala isizini, umahluko mkhulu kakhulu.

Kwisiqingatha sokuqala sesizini, iPirates ilahlekelwe yinqwaba yamanqaku phantsi kukaRhulani Mokwena owangena endaweni kaMilutin “Micho” Sredejovic owahamba engabhungisanga ekuqaleni kwesizini.

Ukuhamba kwakhe kwaxikixa uzinzo kwiPirates, ukunyuselwa kukaRhulani akuzange kwayinceda ngoba iphulukene nemidlalo emininzi eyabangela ishiywe ngamaqela afana neKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns.

Kwathi kwakubonakala okokuba iyazika inqanawa, abaphathi beBucs baqesha indoda yaseJamani egama linguJosef Zinnbauer phambi kokusongwa konyaka ophelileyo (2019).

Ukufika kwakhe kube yinzuzo kwiPirates ngoba kuze namandla amatsha nendlela entsha yokwenza izinto esebenzayo. Kulo nyaka, iBucs ibonise ukuzimisela kwayo ngokuthi iphumelele imidlalo emine yonke kwemihlanu eyidlalileyo.

Ngumsebenzi omhle kakhulu lowo owenziwe nguZinnbauer nangani abaninzi babenikina intloko ekufikeni kwakhe kuba engenayo imbali etyebileyo kwicala lokuqeqesha.

Phakathi kwamaxhoba wePirates kulo nyaka kukho AmaZulu, iBaroka FC, iSundowns neHighlands Park. Eyona nto eyahluke ngayo iPirates kutshanje kukuba iphumelela imidlalo, iyakwazi ukufaka amagowuli kwaye ayivuzi njengakuqala.

Omnye wabadlali abaphambili kwiPirates, uVincent Pule, uxelele iintatheli ngomahluko owenziwe nguZinnbauer.

“Kwisiqingatha sokuqala besingawafaki amagowuli abe wona efakwa kuthi. Kungcono kakhulu ngoku kwaye siyakwazi ukufaka amagowuli,” utsho uPule.

“Izinto zingcono ngoku ngoba siyakwazi ukudala amathuba, siyawafaka amagowuli kwaye siyayiphumelela imidlalo. Ndicinga ukuba besidinga intlahla ebesikade singenayo. Sijongana nomdlalo omnye ngexesha ngoku kwaye ukuzithemba ebadlalini kubuyile. Siza kulwa ngoba singayifumana indawo yesithathu,” utsho uPule.

Ezimnyama zincwase ukuntywilisela iChippa United emdlalweni ongo-18:00 ngoMgqibelo, eNelson Mandela Bay Stadium. IChippa, ebhiyozela iminyaka elishumi yokusekwa kwayo, inethemba lokuphumelela ukuze iqinise indawo yayo kwiPSL.

Iza kuba ngumsebenzi onzima lowo emva kokubethwa kwayo ngo’3-0 yiSuperSport. Eyona nto imbi kukuba iChippa iza kudibana nePirates ikelemile ngexesha elinzima lokuphepha izembe.

Kulindeleke umdlalo utake iintlantsi ngoba iChippa ikhangela impumelelo enokuthi yonwabise abalandeli bayo njengokuba ibhiyozela iminyaka elishumi kule veki.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Cape Town City @Harry Gwala Stadium, 20:00

Mgqibelo: Golden Arrows vs SuperSport United @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:30; Chippa United vs Orlando Pirates @Nelson Mandela Bay Stadium, 18:00; Highlands Park vs Baroka FC @Makhulong Stadium, 20:15

Cawa: Black Leopards vs Stellenbosch @Thohoyandou Stadium, 15:30; AmaZulu vs Polokwane City @Kings Park Stadium, 15:30