UCardoso uqiniseke ngokuphumelela kweChiefs

Daniel Cardoso weKaizer Chiefs umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umdlali wasemva kwiKaizer Chiefs, uDaniel Cardoso, uthi uqinisekile okokuba iqela lakhe liza kuyiphakamisa indebe yeAbsa Premiership ekupheleni kwesizini.

Amakhosi agoduke ethe qhiwu amanqaku amathathu emva kokubetha iGolden Arrows ebilushica ngo’1-0 emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.

Ngoku iChiefs iphala phambili ngamanqaku alishumi, ilandelwa yiMamelodi Sundowns esenomdlalo omnye engekawudlali kuba isaxinaniselwe yimidlalo yeCAF Champions League ethe gabhu kuyo.

UCardoso uthi indebe isezandleni zawo Amakhosi kwaye iOrlando Pirates, ewanqunqele egoqweni amaqela edlale nawo ukusukela kuqale lo nyaka, ngeke ikwazi ukuwabhukuqa kwindawo yokuqala.

Ezimnyama zihleli kwindawo yesine kwiAbsa Premiership kodwa phakathi kwazo neChiefs kukho inkabankaba yomsantsa weshumi elinambini lamanqaku.

“Indebe isezandleni zethu. Ukuba iphuncukile, sakube siyiyeke ngokwethu. Indawo elikuyo iqela lethu isinika ithuba elihle lokuphumelela. Kuyasinzimela ukudlala namaqela amancinci. Ndiqinisekile nibonile xeshikweni sidlala neBlack Leopards. Sinyuka umnqantsa ngoba amaqela eza kuthi ezilungiselele kakuhle. IPirates idlala umdlalo omhle kakhulu, kodwa andiqondi ukuba ingakwazi ukusifumana ngoba kukho amanqaku amaninzi esiyishiya ngawo,” utshilo uCardoso oyibetheleleyo indawo yakhe kwiChiefs phantsi koqeqesho lukaErnst Middendorp.

Okunye okunika umdla kukuba amaqela amakhulu alwela ukudlala kwiCAF Champions League. UCardoso uthi iChiefs ifuna ukuphakamisa indebe yeChampions League njengePirates neSundowns ngenye imini.

“Akukho ndebe esidlalela ukungayiphumeleli. Sifuna ukuphumelela nathi. IPirates neSundowns zayiphumelela iChampions League. Nathi siyafuna ukuyiphumelela. Sabethwa ngamava emidlalweni yeChampions League esagqibela kuyo kodwa sasifunda isifundo kuyo,” utshilo uCardoso, onomnqweno wokudlala phesheya, xeshikweni ethetha neentatheli kutshanje.

“Wonke umdlali unomnqweno wokudlalela iqela laphesheya kolwandle. Liphupha lam ukuya phesheya kodwa iya kubonakala ngoko leyo into. Okwangoku ndingumdlali weChiefs kwaye ndifuna ukuphumelela iindebe kuyo,” uvale ngaloo mazwi uCardoso olinde kuhlaziywe isivumelwano sakhe sengqesho yiChiefs.