Amavarara axikixwa ziingxaki!

Aziwahambeli kakuhle izinto Amavarara kwimidlalo yeABC Motsepe League oko kwathi kwenziwa uthelekiso lwamaqela aza kudlala kwiNedbank Cup.

Kubonakala ngathi iingqondo zabadlali zisemdlalweni weNedbank ngoba Amavarara agqibela ukuphumelela umdlalo kwinyanga yeNkanga ngethuba ebetha iTede FC ngo3-1.

Emidlalweni esibhozo emva kwaloo mpumelelo, eli qela laseKomani liphumelele kanye. Labetha uMthatha Bucks ngo’1-0 ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeNkanga 2019.

Amavarara abethiwe kwimidlalo emithathu aze adlala ntanganye kwemine kwaye ngoku usihlalo weqela, uLusapho Mzwakali, uthi iyamxhalabisa indlela eliqhuba ngayo iqela lakhe kutshanje.

Encokola neli phephandaba, uMzwakali uthe ukungena kwabo kwiNedbank Cup kweza nemincili kakhulu bade balibala.

Okwesibini uthe ukuxabana kwabo nomqeqeshi owade wahamba yenye yezinto ezibe negalelo ekwehleni kwezinga lomdlalo weqela.

Uthi abadlali abafuni nokonzakala kuba belinde umdlalo ophakathi kweqela lakhe neSuper Eagles kwiveki ezayo eMonti.

UMzwakali uthi zonke ezo zinto zinyanzelise ukuba baqale phantsi ukubumba iqela.

Ethetha ngomdlalo weNedbank Cup, uthe banalo ithuba lokudlulela kumjikelo olandelayo kodwa kufuneka basebenze ngokuzimisela ukuze kwenzeke oko.

Kwaye ukuvuyele kakhulu ukuthelekiswa neqela laseFree State elidlala kwiMotsepe League nalo. Ngoku Amavarara ahleli kwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amanqaku angama25.

Yona iBush Bucks isahleli kwindawo yokuqala emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amathathu ananye emva kwemidlalo elishumi elinesihlanu.

Imidlalo yangoMgqibelo: Emalanga, iYaka United FC iza kudlala neSUBS; iBirmingham City FC idibana neSpear of the Nation; iBhisho Stars idlala neSibanye FC; iBizana Pondo Chiefs idlala nePeace Makers, iBush Bucks nePE Stars; iBush Pirates neMthatha Bucks ize yona iHighbury FC idibane neMatta Milan.