Intliziyo kaKgatlana idada emafutheni

Omnye wabadlali abaphambili ebholeni ekhatywayo yamanenekazi eMzantsi Afrika, uThembi Kgatlana, uzimanye neqela eliphambili ePortugal ekuthiwa yiBenfica.

Ukuthathwa kukaKgatlana liqela eliphambili eYurophu ziindaba ezimnandi kuye nakwibhola yamantombazana elizweni ngokubanzi.

UThembi, 23, uzenzele igama ngokudlala kakuhle kwitumente yehlabathi ebikunyaka ophelileyo kwilizwe laseFrance – apho wabuya negowuli lokuqala nangona aBanyana Banyana bengazange bakwazi ukuzibekela indawo kwisigaba sesibini semidlalo yetumente.

Phambi kokuya kwitumente yehlabathi, uKgatlana ebesele ezenzele igama kakade emva kokuchongwa njengomdlali wonyaka olinenekazi (African Women’s Player of the Year) kumsitho wamawonga weCAF ngo2018.

Konke oku kwenzeke emva kokudlala kakuhle kwakhe kwiqela lesizwe eliphantsi kwesandla sikaDesiree Ellis, naye ochongwe njengomqeqeshi wonyaka yiCAF ityeli lesibini iminyaka ilandelelana.

Phambi kokuya kwakhe ePortugal, uKgatlana udlalele amaqela afana neHouston Dash yaseMelika neBeijing BG Phoenix yaseChina.

“Ndonwabe kakhulu emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho kwiBenfica. Ndiyalibulela kakhulu ithuba lokudlala ePortugal endilinikwe liqela nangumongameli. IBenfica liqela elikhulu ePortugal nakwihlabathi. Ndithe xa ndijonga imbali yayo ndakuqonda ukudlalela iqela elaziwa kangaka liwonga elikhulu kum,” utshilo uKgatlana ontliziyo edada emafutheni.

Kuza kufuneka uKgatlana azilahlele nofele ebaleni ngoba umongameli weBenfica, uFernando Tavares, uthe iqela lilindele lukhulu kuye.

“Silindele izinto ezinkulu kuThembi ngoba ebengumdlali obalaseleyo eAfrika ngo2018, unesantya futhi uyakwazi ukudlala esiswini naphambili. Sinethemba lokuba ubukho bakhe buya kuthi buncede iqela kwicala lokufaka amagowuli,” utshilo uTavares.

Kulindeleke uKgatlana aqale ukudlalela iBenfica, ehleli phezulu kwiPortugal Liga ngamashumi amathathu anethoba amanqaku emva kweshumi elinesithathu lemidlalo ngomhla wethoba kwinyanga ezayo xa idibana ne-Estoril Praia.