UMicho ngumqeqeshi weChipolopolo!

Wemka ekuqaleni kwesizini, ngoku uMilutin “Micho” Sredojevic ngumqeqeshi oyintloko weqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseZambia.

Iingxelo zithi uMicho utyikitye isivumelwano seminyaka emibini neFAZ.

USredojevic wagxothwa yiZamalek ekupheleni konyaka ogqithileyo. Wemka kwiPirates buphuthuphuthu ekuqaleni kwesizini kanti uya eYiphutha.

Into ephambili kuye kukuqinisekisa okokuba iZambia ifumana indawo kwindebe yezwekazi leAfrika (Afcon) ezayo.