UXakalashe ulangazelela ukudlala kwiSuper Rugby

USokuphumla Soso Xakalashe welali yaseKwelerha, eMonti, unethemba lokudlalela elinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika elidlala kwiSuper Rugby

Umsantsa ophakathi komgangatho weSwallows edlala kwiSuper Rugby League neSuper Rugby ekudlala kuyo oompondozihlanjiwe bamaqela aseMzantsi Afrika, eAustralia naseNew Zealand mkhulu kakhulu ngenxa yokungabikho kweqela eliqinileyo elidlala kwinqanaba eliphezulu.

Nangani kunjalo, uSokuphumla “Soso” Xakalashe welali yaseKwelerha, eMonti, unethemba lokudlalela elinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika elidlala kwiSuper Rugby.

UXakalashe, 26, ukuthethe oku ngethuba encokola nentatheli yeli phephandaba kule veki.

Eselula ngokweminyaka, uXakalashe waqala ukudlala umbhoxo elalini yakhe ngoba yeyona nto ibixatyisiwe. Ekuhambeni kwexesha, laye lakhula uthando lombhoxo kwindodana yaseKwelerha.

Noxa indawo yaseMonti idume ngokuvelisa iintshatsheli zamanqindi kodwa yenye yeendawo ezikwaziyo ukufukama nokuqandusela abadlali bombhoxo abaphucukileyo.

“Ndaqala ukudlala umbhoxo ngo2002 kwiilali zaseKwelerha. Kuba umbhoxo yayiyinto edlalwayo elalini, nam ndangena kuwo ngolo hlobo kodwa ndaye ndawuthanda. Khange kuphelele elalini kuphela; bendiwudlala nasesikolweni umbhoxo. Ndineminyaka emihlanu ngoku ndidlalela iSwallows edlala kwiEastern Cape Super League,” utshilo uXakalashe.

Ukusukela ngo2015, unyaka awafika ngawo kwiSwallows, uSoso uthi ungumdlali ophucukileyo kakhulu ngoku ngoba wathi wanikwa uqeqesho olwahlukileyo embhoxweni wasezilalini.

“Umdlalo wam waphucuka ndakufika kwiSwallows. Ndafunda izinto ezintsha kwaye nendlela endiwudlala ngayo umbhoxo ayisafani nakuqala. Indlela yokuzilolonga inomahluko, ndafunda ukuba yinxalenye yeqela ngokwendlela yokudlala nokwenza izinto nokuba nembeko. Kwiveki ephelileyo, iSwallows ibhulele amasaka iTrying Stars yaseMnyameni ngo’38-15.

USoso uthi iminyaka iyahamba kwaye kudala edlala eMonti, umnqweno wakhe kukugudlana ngemihlana namadoda amakhulu kwinqanaba lombhoxo eliphezulu. Noxa iBorder Bulldogs, ebekufanele inceda abadlali abanetalente kwiBorder iqhwayela emva, kodwa uXakalashe unethemba lokuzibona edlalela amaqela amakhulu.

“Mna ndinqwenela ukuyodlala kwiSuper Rugby. Ixesha liyahamba; ndirhalela ukudlalela amaqela afana neCell C Sharks, iBlue Bulls neWestern Province. Yilo nto ngoku endiyilangazelelayo ebomini bam,” uvale ngaloo mazwi uXakalashe.

Umqeqeshi uNtando Kebe umchaze uSoso ongumdlali wasemva njengonembeko, ozimiseleyo futhi osoloko elangazelela ukufunxa ulwazi.