Owaphuma kwi-Idols usabhalisa igama lakhe emculweni

UXola Toto owayengenele kukhuphiswano lweeIdols

INKITHA yabantu baseKapa bashiye amakhaya abo, badela ubushushu besiya kuzimasa imbizo yomculo ebizwe nguXola Toto eKapa.

Lo mnyhadala ubuseTequilla Town edolophini eKapa ngempelaveki, kodwa abaninzi abamthandayo lo mculi bakhethe ukushiya yonke into baphume ezinkonzweni zabo bazokumxhasa.

UToto wenze lo mnyhadala apho inguye yedwa imvumi eseqongeni, okokuqala emva kokungaphumeleli ukhuphiswano lweeIdols kunyaka ophelileyo.

Xa simbuza ukuba kutheni engazibizanga ezinye iimvumi ukuba zibe yinxalenye yoku, uXola uphendule wathi: “Injongo yanamhlanje kukuba abantu bandazi ukuba ndisekhona emculweni kwaye ngoku ndiza ngamandla.”

“Ndifuna abantu bandibone njengemvumi, bandilandele, bandixhase. Kwaye olu suku lubalulekile kakhulu kum kuba abantu abandithandayo nabandilandelayo njengemvumi, balapha,” kutsho uToto.

“Ndivuyiswa kukubona usapho lwam, nabahlobo bam bezokundixhasa, lo nto iyandibonisa phandle ukuba ngenene oku ndikwenzayo kuyamkeleka ebantwini.”

Oku ukutsho uXola emva kokudyusha eqongeni noNathi Mankayi ngoLwesihlanu, nalapho bekubhiyozelwa usuku lwabo bathandanayo kwalapho eKapa.

Omnye kubahlobo bakhe ebebelapho, uSinovuyo Sipuka, khange akwazi ukuzibamba uXola ecula nalapho aphakame wenza isimbonono phezulu.

“Ngumhlobo wam lo! Ngumhlobo wam lo! “, ebhekisa kwabo bebecula noXola Toto.

Sithe xa simbuza ukuba ebesiva ntoni wathi, ugcwele luvuyo ukubona uXola ekhule kangaka emculweni kwaye esithi beliKapa baza kuqhubeka bemxhasa.

Sibuza uToto ukuba silindele icwecwe elitsha na kuye kwisinina, uthe uza kuqinisekisa ukuba singabokuqala ukuyazi lo nto xa ithuba lifikile, kodwa okwangoku ufuna ukuzazisa ngokupheleleyo engekho kwiqonga le-Idols.

Ungamlandela kuFacebook: @Xola Toto Music nakuPalesa Xola Toto.