Useziseleni okhuthuze abakhenkethi base-Europe!

UYamkela Dukada, 28, otyholwa ngokukhuthuza abakhenkethi ababini kwidolophu yaseMthatha ngomhla wokuqala kule nyanga, uvele enkundleni yamatyala yale dolophu ngoLwesibini, umhla wesithathu nalapho ityala lakhe liye lamiselwa umhla we12 kwakule imiyo nekulindeleke afake isicelo sebheyile.

Ingxelo ekhutshwe nguKapteni Dineo Koena, othethela amapolisa ale ngingqi, ithi esi sibini esisuka kwelase-Europe besikwindawo yokuthenga kwidolophu yaseMthatha malunga nomkhono phambi kwentsimbi yokuqala emini ngelixa sisenzekelwa sesi sehlo.

“Kutyholwa ukuba indoda eneminyaka engama33 nentombi yayo eneminyaka engama30 babeyokuthenga ezivenkileni, ngelixa bekhupha imali kwiATM, kwasondela amadoda amabini afuna ukuba bahlawule imali yokupakisha imoto.

“Abarhanelwa bathe babaleka namakhadi ebhanki amabini kwaye kamva imali engangeR28 880 yakhutshwa kwelinye lala makhadi,” itsho ingxelo ekhutshwe nguKoena.

Iqhubeka isithi kwaye kwabakho umsolwa obanjiweyo kwangaloo mini. “Emva kwemizuzu embalwa amapolisa ezingela la madoda, athe abona imoto ekrokrelekayo enabantu ababini nalapho athe ayimisa, umsolwa omnye uye wakwazi ukubaleka.

“UYamkela Dukada ogcinwe eluvalelweni ufunyanwe kunye nayo yonke imali eyayikhutshiwe eyiR28 888 kunye nekhadi nezithe zathathwa ngamapolisa,” iqhubeka itsho ingxelo. UMkomishinala weSithili uMajor General David Kanuka uthe uyayincoma into yokubanjwa kwesi sibini.

“Ndiyawancoma amapolisa ngokubamba lo msolwa. Kufuneka sisebenze nzima ekwenzeni indawo yethu ukuba ibe yindawo ekhuselekileyo kuye wonke umntu.”